Yiya kwinkcazelo

UDade Tatyana Alushkina uhaga umyeni wakhe uVladimir okhululwe etrongweni

APRILI 10, 2020
ERASHIYA

UMzalwana UVladimir Alushkin Ukhululwe Etrongweni

UMzalwana UVladimir Alushkin Ukhululwe Etrongweni

NgoMatshi 30, 2020, uMzalwana uVladimir Alushkin uye wakhululwa etrongweni, waphinda wakunye nenkosikazi yakhe.

Ukhululwe emva kwesigqibo sangoMatshi 25 seNkundla YeNgingqi YasePenza ebesikhe sathetha ngaso. Le nkundla khange ivumelane nokugwetywa kukaMzalwana uVladimir Alushkin, uVladimir Kulyasov, uAndrey Magliv, noDenis Timoshin, nooDade ababini uTatyana Alushkina noGaliya Olkhova. Ithe eli tyala maliphinde lixoxwe kulaa nkundla ibibagwebile, kodwa kubekwe enye ijaji. Okwangoku besalinde ukuba liphinde lixoxwe, bobathandathu abavumelekanga ukwenza ezinye izinto, njengokuhamba.

Nangona sivuya kuba uMzalwana uAlushkin ekhululwe, emva nje kweentsuku ezimbini, enye inkundla ekumntla-mpuma weRashiya ifumanise omnye umzalwana wethu enetyala kuba nje eliNgqina LikaYehova. Nokuba iinkundla zingaqhubeka zibagweba rongo abazalwana bethu eRashiya, siyayazi ukuba baza kuhlala bewathemba amazwi akuNahum 1:7 athi: “UYehova ulungile, uyindawo ekhuselekileyo ngemini yentlungu. Uyabacinga abo babalekela kuye.”