Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 18, 2020
ERASHIYA

UMzalwana UYevgeniy Aksenov WaseRashiya Ufunyaniswe Enetyala, Ugwetywe Iminyaka Emibini Exhonyiweyo

UMzalwana UYevgeniy Aksenov WaseRashiya Ufunyaniswe Enetyala, Ugwetywe Iminyaka Emibini Exhonyiweyo

NgoFebruwari 18, 2020 iNkundla YeSithili SaseZheleznodorozhniy imfumanise enetyala uMzalwana uYevgeniy Aksenov yaza yamgweba iminyaka emibini exhonyiweyo. Ukuba kule minyaka mibini uMzalwana uAksenov ufudukela kwenye indawo okanye afunyaniswe enetyala lokwenza nantoni na engekho semthethweni, uza kusiwa etrongweni. Kwiinyanga ezintandathu zokuqala uza kugadwa ngamapolisa. Kufuneka ayokusayina qho ngenyanga. Enye into, ngoxa esagadwe ngamapolisa akanakuya kwenye indawo engekho kwidolophu ahlala kuyo, iKhabarovsk. Akavumelekanga nokuba aphume endlini ebusuku. UMzalwana uAksenov uza kubhena.