Yiya kwinkcazelo

Umzalwana uGennady Shpakovskiy, osanda kukhululwa ejele, ukunye nomfazi wakhe uTatiana, nentombi yabo uMaria

AGASTI 3, 2020
ERASHIYA

UMzalwana uGennady Shpakovskiy Ukhululwe Ejele

UMzalwana uGennady Shpakovskiy Ukhululwe Ejele

NgoMvulo, Agasti 3, 2020, iNkundla yeNgingqi yasePskov ithe uMzalwana uGennady Shpakovskiy makakhululwe ejele. INkundla isathi unetyala, kodwa endaweni yokuba avalelwe ejele iminyaka eyi-6, ithe angakhululwa kodwa agadwe de kuphele le minyaka. Kwangosuku olunye, uye wakhululwa. Kodwa ke abatshutshisi basenokungavumelani nesi sigqibo.