Yiya kwinkcazelo

UMzalwana uKirill Yevstigneev

NGO-JANUWARI 13, 2022
ERASHIYA

Ukuthembela NgoYehova Kunceda Umzalwana uYevstigneev Ahlale Ethembekile

Ukuthembela NgoYehova Kunceda Umzalwana uYevstigneev Ahlale Ethembekile

Izinto Ezenzekileyo

  1. Inkundla yaseNizhny Novgorod ekuthiwa yiLeninskiy iza kuchaza isigqibo sayo kwityala likaMzalwana uKirill Yevstigneev. Umtshutshisi akakasichazi isohlwayo afuna sifunyanwe nguMzalwana uYevstigneev.

  2. Ngo-Oktobha 8, 2021

    Ityala lokwaphula umthetho laqalisa. UKirill wathi xa ecacisa, bebeyokuzonwabela nje bebengadibanelanga ukukhonza

  3. Ngo-Agasti 24, 2021

    Abasemagunyeni bayalela uKirill abe neendawo angayiyo kuzo

  4. Ngo-Septemba 2, 2020

    UKirill watyholwa “ngokubhatalela abantu abenza umsebenzi oyingozi” kuba nguye owabhatala imali yokurenta indawo ababedibene kuyo

  5. Ngo-Julayi 11, 2019

    Abasemagunyeni bazama ukutshutshisa uKirill kuba inguye osayine isivumelwano sendawo ababedibene kuyo. Bagqogqa nendlu yakhe

  6. Ngo-Juni 4, 2019

    Abasemagunyeni baqalisa ukuphanda nangabanye abantu ngenxa yoku kudibana, kodwa zange batsho ukuba ngoobani abaphanda ngabo

  7. Ngo-Aprili 2019

    UKirill namanye amaNgqina kaYehova aseNizhny Novgorod barenta indawo ababeza kudibana kuyo ukuze bonwabe

Iinkcukacha

Sitsho siqhubeke simthemba uYehova xa sisiva ngesibindi sikaKirill, umfazi wakhe, nabanye abazalwana noodade abatshutshiswayo eRashiya naseCrimea.—Filipi 1:13, 14.