Yiya kwinkcazelo

Umzalwana uOleg Danilov ubulisana nomfazi wakhe uNataliya, emva kokukhululwa etrongweni

MATSHI 5, 2024
ERASHIYA

Umzalwana UOleg Danilov Ukhululwe Kwitrongo YaseRashiya

Umzalwana UOleg Danilov Ukhululwe Kwitrongo YaseRashiya

NgoMatshi 1, 2024, umzalwana uOleg Danilov uye wakhululwa etrongweni emva kokubanjwa iminyaka emithathu.

Ngaphambi kokuba inkundla imgwebe, uOleg wasichazela into awayezimisele ukuyenza ukuba wayenokubanjwa. Wathi: “Ndacingisisa ngamazwi kaPawulos akumaFilipi 4:4: ‘Hlalani nivuya ngenxa yeNkosi. Ndiyaphinda ndithi, Vuyani!’ UPawulos wawabhala la mazwi xa wayesetrongweni. Nangona wayesetrongweni, zange ayeke ukuvuya kuba wayesondele kuYehova ibe wayemthembe kakhulu. Nam ndifuna ukufana naye, ndingavumeli nantoni na indenze ndiyeke ukuvuya.”

UOleg wabanjwa waza wohlukaniswa nentsapho yakhe, ngoko kwakuza kufuneka abonakalise ukuba wayeza kukwazi na ukuhlala evuya. Eyona nto yabanzima kakhulu yayikukungakwazi ukuya emtshatweni wonyana wakhe omdala. Umfazi wakhe, udade Nataliya Danilova, wachaza into eyamncedayo. Uthi: “UOleg wayiqonda ukuba xa eza kuhlala ecinga ngeengxaki zakhe, lo nto yayiza kumenza aphelelwe luvuyo. Endaweni yoko, wacinga ngezinto ezazimvuyisa: ubuhlobo bakhe noYehova, nendlela awayencedwa ngayo ngumoya oyingcwele, intsapho yakhe emthandayo, abahlobo bakhe kunye nabazalwana noodade emhlabeni wonke. Xa waqalisa ukucinga ngezinto ezintle ezazimvuyisa, lento yamenza waziva ngathi usisityebi.”

UOleg noNataliya noonyana babo ababini nomfazi wonyana wakhe

UNataliya wathetha nangendlela umzekelo kaOleg oye wabanceda ngayo oonyana bakhe. Wathi: “Ukubona kwabo uYehova esixhasa njengentsapho ngoxa utata wabo evalelwe, loo nto iye yaluqinisa ukholo lwabo kuYehova nothando abanalo ngabazalwana. Ngoku bazimisele ukukhonza uYehova baze bambeke kuqala ebomini babo.”

Sivuyisana noOlega nentsapho yakhe njengokuba bephinde badibana. Umzekelo kaOleg usinceda sikhumbule ukuba nokuba sineengxaki ngenxa yokholo lwethu sinako ukuhlala sivuya, siqinisekile ukuba umoya kaYehova uza kusinceda.—1 Petros 4:14.