FEBRUWARI 20, 2023
ERASHIYA
“Xa UYehova Ekunye Nam, Ndiza Kusoloko Ndikhuselekile”
Nge-17 kaFebruwari 2023, iNkundla yedoluphu i-Altai ekuthiwa yiGorno-Altayskiy igwebe umzalwana uAleksandr Kalistratov, yaza yathi uza kuvalelwa iminyaka eyi-6 enehafu. Kodwa akunyanzelekanga ukuba aye etrongweni okwangoku.
Ingxelo
Siqinisekile ukuba uYehova uza kuqhubeka ebamamela abakhonzi bakhe njengoko bethandaza kuye xa besentlungwini.—2 Samuweli 22:7.
Ixesha
Ngo-2000
Wabanjwa kuba engafuni ukuya emkhosini. Wabanjwa iintsuku eziyi-21 ngaphambi kokuba kuxoxwe ityala. Emva koko, enkundleni kwafunyaniswa ukuba akanatyala
Ngo-2010
Watyholwa ngokuba wenza umsebenzi oyingozi. Ityala lakhe laxoxwa kabini ibe lasiwa kwiNkundla Ephakamileyo YakwiRiphabliki yaseAltai, apho kwafunyaniswa ukuba akanatyala
NgoDisemba 16, 2021
Kuvulwa ityala
NgoJanuwari 16, 2022
Abasemagunyeni bagqogqa amakhaya amahlanu amaNgqina kaYehova aseAltai. Amapolisa e-FSB angena ngenkani kwikhaya lakwaKalistratov aze athatha uAleksandr ukuze ayokumbuza imibuzo. Wakhululwa kwangalo mini kwaza kwathiwa akavumelekanga ukuba aye kwenye indawo
NgoAgasti 25, 2022
Kuxoxwa ityala