Yiya kwinkcazelo

IHolo Yendibano eseKolomyazhskiy, eSt. Petersburg

DISEMBA 25, 2017
ERASHIYA

Abasemagunyeni ERashiya Bayixuthile IHolo Yendibano YamaNgqina KaYehova

Abasemagunyeni ERashiya Bayixuthile IHolo Yendibano YamaNgqina KaYehova

NgoDisemba 14, 2017, abasemagunyeni bavele nje bangena kwiHolo Yendibano YamaNgqina KaYehova eseKolomyazhskiy, eSt. Petersburg, bayingqonga baza bayithathela kubo. Akukho Ngqina LikaYehova lonzakeleyo, ibe nesakhiwo sikhangeleka kakuhle.

Ifoto ethathwe yikhamera xa amapolisa aseRashiya ebegqogqa

IHolo Yendibano sesona sakhiwo sikhulu sixuthwe ngabasemagunyeni baseRashiya kumaNgqina emva kwetyala langoJulayi 17, 2017. Inkundla Ephakamileyo yayalela ukuba amaNgqina ayeke ukushumayela nokukhonza aza athatha nezakhiwo zawo.

Amapolisa angaphakathi kwiHolo Yendibano

Le Holo Yendibano ihlala abantu abayi-1 500, ibe yayisetyenziselwa iindibano ezinkulu nangamabandla emva kokuhlaziywa kwayo ngo-2002. Amagqwetha amaNgqina aye afumanisa ukuba abasemagunyeni baphinde bayibhalisa le Holo YeNdibano yaba phantsi kweRussian Federation. Esi sakhiwo sele sinikezelwe kumntu omtsha, onekliniki eselumelwaneni nosele exhome ibhodi egeyithini.

Kangangeveki ngaphambi kokuba kuxuthwe iHolo YoBukumkani, inkundla yagrogrisa isithi iza kusithatha isakhiwo esisetyenziswa ngamaNgqina esikufutshane naseSt. Petersburg. Lo myalelo wenkundla waphula isivumelwano seminyaka eyi-17 esiphakathi kwekomkhulu lamaNgqina eliseRashiya neWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Ukuba abasemagunyeni bayaphumelela kweli tyala, baza kuxutha izakhiwo zamaNgqina.

AmaNgqina KaYehova avakalelwa kukuba urhulumente waseRashiya akalufuni unqulo lwawo kuba akaneli nje ukungafuni akhonze ngokukhululekileyo kodwa uthengisa izakhiwo zawo eziye zathengwa zaza zalungiswa ngemali encinci yabantu abahlala eRashiya. AmaNgqina ayabhena kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ibe ifaka izikhalazo kwiKomiti Elwela Amalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo ngenxa yoko kwenziwa ngurhulumente.