Yiya kwinkcazelo

JUNI 3, 2015
ERASHIYA

Isebe Lezobulungisa Libhalisa AmaNgqina KaYehova EMoscow

Isebe Lezobulungisa Libhalisa AmaNgqina KaYehova EMoscow

NgoMeyi 27, 2015, isebe lezobulungisa laseRashiya liye labhalisa ngokusemthethweni amaNgqina KaYehova eMoscow. Abhaliswe kwiminyaka ephantse ibe mihlanu emva kokuba iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu ithe isigqibo senkundla yaseMoscow sokuchitha umbutho osemthethweni wamaNgqina, asikho mthethweni.

Emva kweminyaka kuxoxwa, iNkundla YeNgingqi YaseGolovinskiy, eMoscow, yenza isigqibo sokuwuphelisa umbutho osemthethweni wamaNgqina ngo-2004. Ngo-2010, iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yayalela iRashiya ukuba ilungise lo monakalo ngokuphinda ibhalise umbutho wamaNgqina ize iwuhlawule. Urhulumente waseRashiya wahlawula kodwa kungona awubhalisayo umbutho wamaNgqina.