OKTOBHA 19, 2018
ERASHIYA
AmaNgqina kaYehova eRashiya atyholwa ngokuba nezinto ekuthiwa zizixhobo eziyingozi
Amajelo eendaba athi xa bekugqogqwa eKirov eRussia, abasemagunyeni bafumene izinto abathi zizixhobo zamaNgqina kaYehova. Kodwa ke ezi zixhobo bazifumene kwindlu yomntu ongeloNgqina likaYehova. Ezi zixhobo ibiziintsimbi ezintathu ezirusileyo, neziqhushumbsi ezimbini zangemfazwe yehlabathi yesibini. Inkosikazi yomnikazi wezi zinto eliNgqina likaYehova ibingazi nokuba umyeni wayo ebegcine ezi zinto.
Umnikazi wezi zinto wayekhe wakwiqela elaziwayo laseRashiya elalikhangela amathambo amajoni awabulawa kwimfazwe yehlabathi yesibini ukuze enzelwe isingcwabo esihloniphekileyo. Xa babesenza lo msebenzi bafumana nezixhobo zemfazwe ezazingasasebenzi.
Abasemagunyeni eRashiya bazama ukungcolisa igama lethu elihle ngokusityhola ngobuxoki. Le nto yenza sikhumbule amazwi kaYesu xa wathi abachasi baza ‘kuthetha yonke into embi ngathi’ njengabalandeli bakaYesu.—Mateyu 5:11.