APRILI 7, 2017
ERASHIYA
Kusuku Lwesithathu Lokuxoxwa Kwetyala KwiNkundla Ephakamileyo YaseRashiya, AmaNgqina KaYehova Aza Nobungqina
ENEW YORK—Kusuku lwesithathu ngaphambi kokuba ichithakale iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya, iNkundla ithe ityala liza kuphinda lixoxwe ngoLwesithathu, ngoAprili 12, 2017, ngo-10:00 kusasa. Ngoxa bekuxoxwa ityala namhlanje iNkundla imamele ubungqina obuvakalayo obuze namaNgqina kaYehova amane nxamnye neSebe Lobulungisa elifuna ukuba iZiko Lolawulo lamaNgqina KaYehova neminye imisebenzi eyenziwa ngamaNgqina ivalwe.
Ijaji ibuze iSebe Lobulungisa imibuzo eliqela, isithi malize nobungqina bokuba amaNgqina KaYehova ayingozi ibe neencwadi azinika abantu ziyingozi. ISebe Lobulungisa alikhange libe nabo ubungqina. UVasiliy Kalin olilungu lekomiti evelela iZiko Lolawulo lamaNgqina KaYehova eRashiya, uthe ngoxa ebethetha eNkundleni: “Ndifuna ukukhumbuza iSebe Lobulungisa ukuba ukufuna kwenu ukuvala amaNgqina KaYehova eRashiya kunokukhathaza abantu abaninqwenelela ubomi obumnandi.”
Ongaqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
ERashiya: UYaroslav Sivulskiy, +7-911-087-8009