APRILI 27, 2016
ERASHIYA
Isilumkiso Esinikwe Ikomkhulu LamaNgqina ERashiya Sisongela Inkululeko Yonqulo
Abasemagunyeni eRashiya bathathe elinye inyathelo lokuba kwiphulo elixhaswa ngurhulumente lokulwa namaNgqina KaYehova. Iofisi Yomtshutshisi Oyintloko isongela ngokulivala iZiko Lolawulo LamaNgqina KaYehova eRashiya ngenxa yokwenza imisebenzi eyingozi. Kwileta eyayiwalumkisa kaMatshi 2, 2016, Isekela Lomtshutshisi Oyintloko uV. Ya. Grin layalela ukuba iZiko liwuyeke umsebenzi walo kwiinyanga ezimbini.
Esi silumkiso sabangela ukuba laqina iphulo laseRashiya lokwenza amaNgqina azive kungekho yawo nokuthintela inkululeko yawo yonqulo. Xa iZiko Lolawulo livaliwe, liza kongezwa kuludwe lweentlangano ezenza imisebenzi eyingozi zize izakhiwo zalo zithathwe ngurhulumente. Ngenxa yokuba zinento yokwenza neli Ziko, zonke iintlangano ezinxulumene namaNgqina KaYehova, iintlangano zasekuhlaleni eziyi-406 (imibutho esemthethweni) namabandla angaphezu kwe-2 500 nazo zisenokuvalwa. Ngenxa yoko, amaNgqina akulo lonke elaseRashiya asenokuphulukana neeHolo ZoBukumkani (iindawo akhonzela kuzo). Ekugqibeleni, ukuvalwa kweZiko Lolawulo kusenokubangela ukuba amaNgqina angabi nalo ilungelo lokwenza izinto azikholelwayo.
Ukuhlaselwa kwamaNgqina KaYehova okucwangcisiweyo eRashiya kusekelwe kubungqina obungeyonyani nasekugqwetheni umthetho karhulumente ophathelele ukwenza imisebenzi eyingozi. Ngo-2015, ikomiti yeUN Elwela Amalungelo Abantu yachaza inkxalabo yayo “ngeengxelo eziliqela ezibonisa ukuba eyona njongo usetyenziselwa yona umthetho wokwenza imisebenzi eyingozi kukuze ingabikho kangako inkululeko yokuthetha nenkululeko yonqulo ibe abona bantu kujoliswe kubo kakhulu ngamaNgqina KaYehova.” *
AmaNgqina KaYehova yintlangano esehlabathini lonke. Anqula ngokukhululekileyo kumazwe akhululekileyo asehlabathini lonke nakumazwe angamalungu e-European Union. ERashiya kwenzeka okwahlukileyo. Iphulo layo elijoliswe kumaNgqina akhonza ngoxolo liye laqina ngeyona ndlela ngenxa yamanyathelo athathwayo awaqalisa ngeminyaka yoo-1990. La manyathelo aqatsela emva kokuba iRashiya yamkele umthetho ophathelele imisebenzi eyingozi yaze yasebenzisa lo mthetho kakubi ukuze icinezele abantu.
Ukungachazwa Kakuhle Koko Kuthethwa Kukwenza Imisebenzi Eyingozi—Kubangela Ukuphathwa Kakubi
Ngo-2002, iRashiya yamkela umthetho karhulumente wokuphelisa ukwenza imisebenzi eyingozi kuphendulwa inkxalabo abanayo abantu ngobunqolobi. Sekunjalo, ekuqaleni, ukungachazwa ngendlela ecacileyo koko kuthethwa kukwenza imisebenzi eyingozi kwenza abantu banexhala lokuba amagosa aseRashiya asenokusebenzisa lo mthetho ukuze acininezele abantu. Ngo-2003, Ikomiti yeUN Elwela Amalungelo Abantu yakhuthaza iRashiya ukuba iwutshintshe lo mthetho ize ikucacise kakuhle ukuba kuthetha ukuthini ukwenza imisebenzi eyingozi, ukuze ungasetyenziswa ngendlela engafanelekanga lo mthetho.” *
Endaweni yokuba ucaciswe lo mthetho, wahlaziywa kuchazwa izinto ezingakumbi ekulindeleke ukuba zenziwe. Ngo-2012, iParliamentary Assembly of the Council of Europe yathi: “Kumthetho wakuqala, kwachazwa inxalenye yoko kuthethwa kukwenza imisebenzi eyingozi kwathiwa, ‘kukukhuthaza indlela yokuziphatha, ubuhlanga, ubuzwe okanye unqulo oluqhwaya udushe, olunento yokwenza nobundlobongela okanye ukubukhuthaza.’ Kutshintsho olwenziwa ngo-2006 kwasuswa indawo ethi, ‘olunento yokwenza nobundlobongela okanye ukubukhuthaza.’ . . . Le nkcazelo ingacacanga yoko kuthethwa kukwenza imisebenzi eyingozi ibangele ukuba amapolisa agqibe ekubeni abaphathe kabuhlungu abantu kube kungekho sizathu sibambekayo.”
Sacaca isizathu sokoyikela ukuba lo mthetho uza kusetyenziswa kakubi. Ngo-2007, Iofisi Yomtshutshisi Oyintloko yalandela indlela owabhalwa ngayo lo mthetho ukuze iqalise ukwenza uphando ngamaNgqina KaYehova. Isekela Lomtshutshisi Oyintloko uV.Ya.Grin—nalo elatyobela isilumkiso esanikwa iZiko Lolawulo—lakhupha ileta eyayiyalela abatshutshisi ukuba baqalise ukwenza uphando ngamaNgqina KaYehova. Le leta yaba yinto yokuqala ebonisa ukuba iphulo lokulwa namaNgqina KaYehoba laliza kusebenza kulo lonke ilizwe nakumbindi walo.
Nangona amaNgqina KaYehova engenzi naluphi na uhlobo lolwaphulo mthetho, abatshutshisi bakulo lonke elaseRashiya baye benza uphando olungaphaya kwe-500 ngamaNgqina ukususela ngo-2007. IParliamentary Assembly of the Council of Europe yathi ngale ngxelo: “Umthetho karhulumente ophathelele ukwenza imisebenzi eyingozi, owamkelwa ngo-2002, ubusetyenziswa kakubi kwiinqulo ezithile, ingakumbi kumaNgqina KaYehova, ayi-162 000 eRashiya. Kuye kwaqatsela ukusetyenziswa kakubi kwalo mthetho ukususela ngexesha owatshintshwa ngawo ngo-2006.” *
“Umthetho karhulumente ophathelele ukwenziwa kwemisebenzi eyingozi usetyenziswe kakubi kwimisebenzi eyenziwa lunqulo oluthile, ingakumbi amaNgqina KaYehova.”—iParliamentary Assembly of the Council of Europe
Ukuyekiswa Ukusetyenziswa Kweencwadi Zonqulo—Kubangela Ingcinezelo Engakumbi
Ngaphambi kokuba aye kwiZiko Lolawulo, elingaseSt. Petersburg, amapolisa ahlola iincwadi zamaNgqina. Abatshutshisi baseTaganrog nabaseGorno-Altaysk bawusa enkundleni lo mba, befuna iincwadi eziliqela zamaNgqina zijongwe njengeencwadi eziyingozi zize zifakwe kuLudwe Lweencwadi Eziyingozi.
Iinkundla zaseTaganrog naseGorno-Altaysk zathatha icala labatshutshisi ngo-2009 nango-2010 ngenxa yezinto ezahlolwa ngabo kuthiwa ziingcali. Ukususela ngoko, ezi zigqibo zibini zayekisa ukusetyenziswa kweencwadi eziyi-52 zonqulo, ziye zaba ziziqalo zezityholo ezininzi ezijoliswe kumaNgqina. Abasemagunyeni abakwezinye iindawo kweli lizwe baye balandela oko kwagqitywa ngako kwityala laseTaganrog nelaseGorno-Altaysk. Ukuza kuthi ga ngoku, iinkundla ziye zagweba ngelithi, iincwadi zamaNgqina KaYehova eziyi-87 ziza kufakwa kuLudwe Lweencwadi Eziyingozi.
AmaNgqina awavumelani nesigqibo esenziwa yinkundla yaseTaganrog neyaseGorno-Altaysk nezinye izigqibo ezenziwe zezinye iinkundla ezithi iincwadi zawo zinobungozi. Aye afaka izicelo eziyi-28 kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ngezityholo zokuba enza imisebenzi eyingozi nezinye iindlela aye aphathwa kakubi ngazo. Kulindeleke ukuba iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yenze isigqibo ngala matyala ayi-22 kungekudala. Ngoxa ebezithethelela kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, urhulumente waseRashiya uye wavuma ukuba iincwadi eziliqela zamaNgqina ezikuLudwe Lweencwadi Ezinobungozi azinanto yokwenza “nobundlobongela okanye azibukhuthazi.”
Inkululeko Yokuthetha Iyahlaselwa
Xa abasemagunyeni eRashiya baphumelela ekwenzeni inkundla ithi, iincwadi zamaNgqina zinobungozi, baqalisa ukuwahlasela amaNgqina besithi kusemthethweni ukwenza oko baza abawavumela ukuba asebenzise inkululeko yawo yokuthetha.
Ngo-2010, abasemagunyeni bayiphelisa imvume awayenayo amaNgqina yokungenisa nokunika abantu iMboniselo noVukani! eRashiya. IMboniselo yaqaliswa ukuprintwa ngo-1879. Zombini ezi magazini zezona zisasazwayo ehlabathini lonke.
Ukususela ngoMatshi 2015, amagosa aye ala ukuba kuthunyelwe iincwadi zonqulo zamaNgqina KaYehova kwilizwe lawo.
Ukususela ngoJulayi 2015 iwebhsaythi yamaNgqina KaYehova, ijw.org yavalwa eRashiya, nto leyo eyabangela kwaba nzima ngabantu baseRashiya ukuba bafumane iincwadi zamaNgqina kwisixhobo se-elektroniki. Ukukhuthaza abantu bangene kule webhsaythi kukwaphula umthetho.
Ekuqaleni kuka-2016, umtshutshisi oseVyborg wathi, INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, iBhayibhile epapashwe ngamaNgqina, iyingozi.
Ukongezelela ekupheliseni inkululeko yokuthetha, abasemagunyeni basebenzise iincwadi ezifakwe kuLudwe Lweencwadi Ezinobungozi ukuze benze uphando ngamalungelo asemthethweni amaNgqina nokuze awatshutshise ngenxa yemisebenzi yonqulo ayenzayo.
Uphando Nokuba Netyala Kuyaqhubeka
Xa incwadi iye yafakwa kuLudwe Lweencwadi Ezinobungozi, akuvumelekanga ukuba isasazwe, ipapashwe okanye igcinwe ngenjongo yokuba isasazwe. Abasemagunyeni basekuhlaleni baye bawusebenzisa lo mthetho ukuze bafumane imvume enkundleni yokukhangela kumakhaya amaninzi amaNgqina nakwiiHolo zawo zoBukumkani ukuba azikho kusini na iincwadi zonqulo ezingavumelekanga.
Amaxesha amaninzi badla ngokuba ndlongondlongo xa besenza lo msebenzi wokukhangela ibe abasemagunyeni baye bathathe nezinto umthetho ongabayalelanga ukuba bazithathe, bathathe izinto zamaNgqina nazo zonke iincwadi zawo zonqulo enoba zikuLudwe Lweencwadi Ezinobungozi okanye azikho kolu ludwe.
NgoAgasti 2010, eYoshkar-Ola, iqela lamapolisa eliphantse libeyi-30, elisuka kwiFederal Security Service nabanye bomthetho ababenezixhobo baphazamisa ngoxa kwakunqulwa. Amapolisa athatha amanye amaNgqina aza awabamba. Amapolisa akhangela izinto kuloo ndawo aza athatha, izinto zamaNgqina, amaxwebhu neencwadi.
NgoJulayi 2012, eRepublic of Karelia, amapolisa eFederal Security Service axhomisa iNgqina kwindawo kawonke wonke ngezixhobo ezisele zilungele ukusetyenziswa enxibe iimask, alitshova, ubuso balo bathi nca phezu kwemoto yalo aza ajija ingalo yalo ayisa ngasemva. Amapolisa agqogqa amakhaya amaNgqina aliqela aza athatha izinto zala maNgqina neencwadi zawo zonqulo enoba zazikho kuLudwe Lweencwadi Ezinobungozi okanye zazingekho.
NgoMatshi 2016, eRepublic of Tatarstan, amapolisa ambonzeleka kwiHolo YoBukumkani nakumakhaya aliqela amaNgqina. Athatha ikhompyutha, iitablet neencwadi zawo.
Abasemagunyeni barekhoda iividiyo emakhayeni nakwiiHolo ZoBukumkani zamaNgqina engakwazi oko wona. Basebenzisa izixhobo ezibangela ukuba bakwazi ukumamela amaNgqina xa efowuna, bahlola iie-mail zawo baza basebenzisa nezinye iindlela ezingekho mthethweni ukuze bafumane inkcazelo abayifunayo. Amanye amapolisa aphinda azisa iincwadi zamaNgqina kwiiHolo ZoBukumkani ukuze kubekho ubungqina obungeyonyani ngawo, bekwenza oku ngenjongo yokuba abonakale enyanisile ngokuthi amaNgqina enza umsebenzi oyingozi. Ngenxa yoko, amaNgqina amaninzi aye anetyala lokwaphula umthetho karhulumente.
Ukuvalwa Kwemibutho Esemthethweni Kuphumela Kumatyala Okwaphula Umthetho
Ukongezelela ekuvulweni kwamatyala nxamnye namaNgqina, amapolisa asebenzise iincwadi aphinde azibuyisela kwiiHolo ZoBukumkani njengobungqina ukuze avale iintlangano zamaNgqina zasekuhlaleni. * Xa intlangano yonqulo ivaliwe ngenxa yokwenza imisebenzi eyingozi urhulumente uyazithatha izinto zalo ntlangano. Oko kubangela ukuba amaNgqina aphulukane neendawo akhonzela kuzo. Oku sele kwenzekile eTaganrog naseSamara. Abasemagunyeni bakwezinye iidolophu benza ngendlela efanayo.
Xa abasemagunyeni bavala iintlangano zonqulo zasekuhlaleni eTaganrog, benza enye into engekho semthethweni ngokuthi, ukuhlanganisana ngenjongo yokuthandaza nokunqula “kunxamnye nomthetho wentlangano evaliweyo.” Ukuze bakwenze oku, abasemagunyeni eTaganrog bavalela amaNgqina KaYehova ayi-16 ngenxa nje yokuba ehlanganisene ukuze anqule. Ezi ntlanganiso, aba nazo onke amaNgqina KaYehova ehlabathini lonke. Okokuqala ukususela ngexesha eyaphela ngayo iSoviet Union, eTaganrog kukwaphula umthetho ngoku ukuba liNgqina likaYehova.
Isilumkiso Sokuvalwa KweZiko Lolawulo Sibonisa Ingozi Ezayo
Ukuba amagosa ayalivala iZiko, aza kuwuphelisa wonke umsebenzi walo kulo lonke elaseRashiya. AmaNgqina KaYehova aza kuba zizisulu zokubanjelwa ukwaphula umthetho ngenxa nje yokuya kwiintlanganiso zawo zamaKristu nokuthetha nabanye ngokholo lwawo kanye njengamanye aseTaganrog. AmaNgqina KaYehova aza kuzibhaqa ekwimeko apho anokukhululeka ukuba akholelwe nantoni na afuna ukuyikholelwa kodwa angabi nayo inkululeko yokukhonza kunye. *
UPhilip Brumley, Ukhansila Oyintloko wamaNgqina KaYehova, uthe: “Ukudityaniswa kwamaNgqina KaYehova namaqela enza imisebenzi eyingozi nokufakwa kweencwadi zawo kuludwe lwezinto ezikhuthaza ubundlobongela ayibobulungisa. Abasemagunyeni abawusebenzisanga kakuhle umthetho wokungathobeli imigaqo yehlabathi lonke, imigaqo yeBhunga laseYurophu, iDeclaration of Human Rights yeUN kwanomgaqo-siseko waseRashiya. Bawusebenzisela ukucinezela unqulo lwamaNgqina olungaphazamisi bani nokuyekisa umsebenzi wawo.”
UVasiliy Kalin, ummeli weZiko Lolawulo, uthe: “AmaNgqina KaYehova akhonza eRashiya ukususela ngenkulungwane ye-19 ibe anyamezele intshutshiso ngexesha leSoviet. Emva koko, urhulumente wathi singamaxhoba engcinezelo. Sifuna ukuqhubeka sikhonza ngoxolo eRashiya. Ezi zityholo zokwenza imisebenzi eyingozi sityatyekwa ngazo zikho ngenjongo yokuba bangacaci abo bangakwaziyo ukulunyamezela unqulo lokwenyaniso nabazichasayo iinkolelo zethu. Asilulo unqulo oluyingozi.”
AmaNgqina KaYehova anethemba lokuba iRashiya iza kuyikhusela inkululeko yawo yokunqula njengokuba kunjalo kwamanye amazwe. Bacela nokuba Iofisi Yomtshutshisi Oyintloko iyeke ukuliphatha kakubi iZiko Lolawulo ize iRashiya izivumele zibe nelungelo lazo iindawo zonqulo. Umbuzo ngulo, Ngaba iRashiya iza kuyenza loo nto? Okanye ngaba iza kubuyela ekucinezeleni amaNgqina KaYehova njengokuba kwakunjalo ngexesha leSoviet?
^ isiqe. 4 “Kuhlolwa okokugqibela kwingxelo yesixhenxe yeRussian Federation,” Ikomiti Elwela Amalungelo Abantu YeZizwe Ezimanyeneyo, CCPR/C/RUS/CO/7, 28 Aprili 2015, isiqendu 20.
^ isiqe. 7 “Ukucingisiswa kweengxelo ezikhutshwe yimibutho karhulumente kwigaba 40 lomnqophiso, kuhlolwa okokugqibela yikomiti elwela amalungelo abantu, iRussian Federation,” Ikomiti Elwela Amalungelo Abantu YeZizwe Ezimanyeneyo, CCPR/CO/79/RUS, Desemba 1, 2003, isiqendu 20.
^ isiqe. 10 “Ukuhlonelwa kwale mithetho nezithembiso yiRussian Federation,” Doc. 13018, iParliamentary Assembly of the Council of Europe, yange-14 Septemba 2012, isiqendu 497.
^ isiqe. 30 Amaqela onqulo avumelekileyo ngokomthetho waseRashiya anokuqalisa imibutho esemthethweni ebizwa ngokuba ziintlangano zonqulo zasekuhlaleni.” Izinto ezenziwayo zonqulo elizweni lonke azilawulwa yile mibutho isemthethweni kodwa zenziwa ngamalungu ebandla akwindawo engekho nkulu kangako, njengesixeko okanye idolophu. Ukuba nombutho osemthethweni kunceda abantu basekuhlaleni abakhonzayo ukuba bakwazi ukurenta okanye bathenge indawo.
^ isiqe. 33 Oku kukusebenzisa kakubi iGaba 28 lomthetho karhulumente waseRashiya, elithi: “Wonke umntu unelungelo lesazela, elonqulo kuquka nelokunqula yedwa okanye neqela labantu nakulo naluphi na unqulo okanye ukunganquli kwaphela, ukuzikhethela, ukungathethi okanye ukuthetha ngeembono zonqulo aze enze ngokuvisisana nazo.”
^ isiqe. 40 IWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania liqumrhu elingenangeniso, elixhasa umsebenzi owenziwa ngamaNgqina KaYehova ehlabathini lonke. Ngumthombo osemthethweni ezisuka kuwo iincwadi zamaNgqina.