Yiya kwinkcazelo

IHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova eAbinsk

AGASTI 4, 2015
ERASHIYA

Inkundla Ephakamileyo YaseRashiya Iza Kumamela Ityala Lokuvalwa Kombutho Wonqulo WaseAbinsk

Inkundla Ephakamileyo YaseRashiya Iza Kumamela Ityala Lokuvalwa Kombutho Wonqulo WaseAbinsk

NgoAgasti 5, 2015, iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya iza kumamela izimangalo ezingombutho wonqulo wamaNgqina kaYehova eAbinsk. Besebenzisa amacebo afana nalawo ayesetyenziswe eTaganrog naseSamara, ekuqaleni kwalo nyaka, abasemagunyeni besixeko saseAbinsk bawuvala umbutho osemthethweni wamaNgqina kaYehova.

Izizathu Ezingekhoyo Zokuvala Umbutho

Ibandla lamaNgqina kaYehova eAbinsk linamalungu amalunga nayi-100, amanye awo ngabantu abasele bekhulile. Umbutho wonqulo waseAbinsk wabhaliswa ngoNovemba 1999 yaye ngumbutho osemthethweni ebhaliswe kuwo iHolo yoBukumkani, indawo amaNgqina adibana kuyo ukuze anqule.

NgoDisemba 2012 nango-Oktobha 2013, abasemagunyeni eAbinsk batyhola amaNgqina kaYehova amabini ngokwaphula umthetho kuba babesithi basasaza iincwadi eziyingozi. Omabini loo maNgqina ayekwibandla lasekuhlaleni, kodwa ayengengomalungu ombutho wonqulo lwaseAbinsk. Umtshutshisi zange ayihoye loo nto waza wasebenzisa izityholo ezibekwa la madoda njengesizathu sokuvala umbutho wonqulo walapho.

Isebenzisa obu bungqina bungachananga, ngoMatshi 4, 2015 iKrasnodar Territorial Court yakhupha isigwebo, “yathi umbutho wamaNgqina kaYehova wakwiSixeko saseAbinsk . . . uyingozi, umele uvalwe uze ukhutshwe kwiincwadi zokubhalisa imibutho esemthethweni.” Yaphinda yathi iHolo yoBukumkani eAbinsk iza kuba yekarhulumente. Ukuba iNkundla Ephakamileyo iyavumelana neso sigwebo, amaNgqina eAbinsk aza kulahlekelwa yindawo anqulela kuyo.

Amaqhinga Afanayo

Ngokugqwetha umthetho wezinto eziyingozi, abasemagunyeni eAbinsk basebenzisa amacebo afana nalawo ayesetyenziswe ukuvala imibutho yamaNgqina kwisixeko saseTaganrog nesaseSamara. NjengaseAbinsk, izityholo zomsebenzi oyingozi zazingenazizathu zivakalayo. AmaNgqina kaYehova eTaganrog naseSamara ayazithethelela enkundleni kwizityholo abekwa zona. Afake izicelo kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu engamkeli ukunyhashwa kwenkululeko yonqulo.

AmaNgqina kaYehova EAbinsk Anyamezele

Iqaqobana lamaNgqina kaYehova eAbinsk liza kuqhubeka nomsebenzi walo wonqulo, lisenza ngendlela enza ngayo amanye amaNgqina asemhlabeni wonke. Sekunjalo, amaNgqina kaYehova anethemba lokuba iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya iza kubona ukuba izigwebo zeenkundla ezingaphantsi kuyo azizezobulungisa ize ivumele amaNgqina eAbinsk aqhubeke edibana ngoxolo kwiindawo zawo zokunqula.