Yiya kwinkcazelo

JANUWARI 23, 2015
ERASHIYA

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Iwisa Isigwebo Esiyingozi KumaNgqina KaYehova

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Iwisa Isigwebo Esiyingozi KumaNgqina KaYehova

NgoNovemba 12, 2014, iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya yangqinelana nesigwebo senkundla encinane esasisithi, uMbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova eSamara uyingozi. Iofisi yomtshutshisi yelo, yamangalela uMbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova eSamara ngo-2014. Le nto yenzeka emva kokuba amapolisa egqogqe izakhiwo ezaziqeshwe ngamaNgqina ukuze aqhube iintlanganiso, aza abhaqa iincwadi zawo ezaziyekisiwe kulo lonke elo lizwe. Iinkundla zelo zazisele zithe ezi ncwadi ziyingozi yaye zifakwe nakuLudwe Lwelizwe Loncwadi Oluyingozi OlukwiSebe Lobulungisa. * Kodwa ke, amaNgqina aseSamara ayesele eyithobele inkundla yaseRashiya futhi ezisusile ezi ncwadi kuzo zonke izakhiwo eziqeshiweyo angenela kuzo.

AmaNgqina azithethelela kwinkundla encinane nakule iphakamileyo, ngelithi amapolisa azifaka ngokwawo ezi ncwadi ziyekisiweyo ukuze akwazi ukuwamangalela. Aphinda athi iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu isaphanda ukuba, izigwebo ezakhutshwa yinkundla yaseRashiya zokuba kuyekiswe ezinye zeencwadi zawo, zisemthethweni na. Oleka ngelithi, enoba izimangalo zomtshutshisi waseSamara, zokuba ebegcine iincwadi eziyekisiweyo, beziyinyani, isigwebo besiqatha noko. Ukugcina iincwadi eziyekisiweyo, lulwaphulo-mthetho ebekufanele ukuba amaNgqina ayahlawuliswa nje kuphela ngalo, okanye kuyekiswe uMbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova okwethutyana, kungade kuvalwe umsebenzi wawo ngokupheleleyo. Kodwa ke, iNkundla Ephakamileyo yazikhaba ezi zibakala.

Ukuvalwa Kombutho Osemthethweni—Ngaba Kuza Kuphumela Ekugwetyweni Njengezaphuli-mthetho?

Ukuvalwa koMbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova eSamara kuyafana nento eyenzeka eTaganrog. INkundla Yengingqi YaseRostov yawuvala uMbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova eTaganrog ngo-2009, ngezityholo zokuba uyingozi. Emva koko, amapolisa aseTaganrog azigqibela ukuba amaNgqina kaYehova aloo mmandla amele ayeke ukunqula. AmaNgqina ayi-16 aseTaganrog amangalelwa ngo-2013 ngenxa nje yokuba ayenqula, nto leyo eyenziwa ngamaNgqina kaYehova asehlabathini lonke kuquka eSamara. AmaNgqina asixhenxe ahlawuliswa kanobom; amane kuwo angabadala bebandla, anikwa nezigwebo zokuthothoza entolongweni ixesha elide. Noko ke, ijaji yathi la maNgqina asixhenxe makangabi sahlawula kuba uphando, netyala ngokwalo, lagqitha kwixesha elalibekiwe yaza yanyanzelisa ukuba zisuswe nezo zigwebo. AmaNgqina abhena, ibe ngoDisemba 12, 2014 iNkundla Yengingqi YaseRostov yayalela ukuba liphinde liqalwe ekuqaleni eli tyala lize lixoxwe yenye ijaji.

AmaNgqina kaYehova ayi-1 500 ahlala eSamara, asesichengeni sokugwetywa njengezaphul-imthetho kuba nje enqula. Iza kuphelela phi yonke le nto? Sithethanje, abasemagunyeni eRashiya benza uphando kwiMibutho Yonqulo YamaNgqina akwiindawo ezahlukahlukeneyo kwelo lizwe. Asazi ukuba iza kuba nawuphi umphumo le nto kumaNgqina aphantse abe yi-180 000 ahlala eRashiya. Kodwa ke, isigqibo esenziwa yiNkundla Ephakamileyo siza kusetyenziswa nakwamanye amatyala alandelayo nto leyo eza kuwenza angakhululeki amaNgqina kaYehova nezinye iinkonzo ezincinane eRashiya.

^ isiqe. 2 Sithethanje, iincwadi zonqulo zamaNgqina kaYehova eziyi-73 zifakwe kuLudwe Lwelizwe Loncwadi Oluyingozi. Phakathi kweencwadi ezafunyanwa kwindawo eqeshwe nguMbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova eSamara yayiyincwadi ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Yenziwa ngeelwimi eziyi-158 kwaza kwasasazwa eziyi-23 970 207 ehlabathini lonke. Enye incwadi eyafunyanwayo yethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, eyenziwa ngeelwimi eziyi-166 kwaza kwasasazwa eziyi-100 944 355 ehlabathini lonke. AmaNgqina kaYehova aye afaka izicelo kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu, ezinxamnye nenkundla yaseRashiya ethi iincwadi zawo ziyingozi.