Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 28, 2014
ERASHIYA

AmaNgqina KaYehova Abhenile, Ngaba Aza Kukhululwa Okanye Aza Kuqhubeka Evalelwe?

AmaNgqina KaYehova Abhenile, Ngaba Aza Kukhululwa Okanye Aza Kuqhubeka Evalelwe?

NgoDisemba 11, 2014, iNkundla yeNgingqi yaseRostov iza kuchophela isibheno samaNgqina kaYehova ayi-16 aseTaganrog, eRashiya. Avalelwa ngenxa yokuququzelela ingqungquthela yenkonzo.

Le ngxaki yaqala ngo-2011, xa amapolisa aqalisa ukugqogqa amakhaya amaNgqina aza arekhoda iintlanganiso zawo zonqulo emfihlekweni. AmaNgqina amangalelwa aza asiwa enkundleni, emva kokuba kuxoxwe iinyanga eziyi-15 kwiNkundla yesiXeko saseTaganrog, asixhenxe kuwo afunyaniswa enetyala ngoJulayi 30, 2014. Ijaji yawathi nka ngentlawulo evakalayo yaye amane kuwo yawagwebela intolongo, kodwa ke yaphinda yazirhoxisa ezo zigwebo. Amanye amaNgqina asithoba akhululwa kodwa ke ijaji yalikhupha elokuba unqulo lwawo luyingozi. La maNgqina ayi-16 aye abhena.

Nomtshutshisi kwelakhe icala uye wabhena. Ufuna iNkundla yeNgingqi yaseRostov iwagwebe ize iwavalele la maNgqina mane. Enye into ayifunayo kukuba inkundla iphinde iwabizele emkhumbini la maNgqina asibhozo ebekhululwe ize iwagwebe ngezityholo zokuba ekunqulo oluyingozi.

UVasiliy Kalin, isithethi seofisi yamaNgqina kaYehova eRashiya, sithi: “Ndinqwenela iNkundla yeNgingqi yaseRostov ibone indlela la maNgqina ayi-16 aye aphatheka kakubi ngayo, ize iwakhulule onke iwayeke ahambe.”