Yiya kwinkcazelo

JUNI 2, 2014
ERASHIYA

AmaNgqina KaYehova AseTaganrog ERashiya Asatshutshiswa

AmaNgqina KaYehova AseTaganrog ERashiya Asatshutshiswa

Ebudeni benyanga kaMeyi 2014 bekuxoxwa ityala lamaNgqina kaYehova ayi-16 kwiNkundla Yesixeko SaseTaganrog. Eli lityala lokuqala elilolu hlobo, apho abemi baseRashiya benyanzelwa ukuba baziyeke iinkolelo zabo kuba nje kusithiwa baza kuvalelwa. Elinye lala maNgqina lathi: “Urhulumente weli akafuni ndohluke, ufuna ndifane nabanye abantu. Akafuni ndishumayele ngeBhayibhile. Andazi ukuba kuza kwenzeka ntoni ngoku.”

Ukususela ngo-2009 abasemagunyeni baseRashiya baye bawusebenzisa kakubi umthetho owenzelwe ukukhusela eli lizwe kwizinto eziyingozi, baye bawusebenzisa nxamnye namaNgqina kaYehova. UVictor Zhenkov oligqwetha lamaNgqina uthi: “Kudala ndibukele indlela amaNgqina kaYehova aphethwe ngayo, eyona nto ndiyibonayo kukuba abasemagunyeni basebenzisa imithetho ukuze bawahlasele.” Nangona amaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni ngonyaka ka-1992, iziphathi-mandla zaseTaganrog aziwaboneli ntweni. Kucacile ukuba ezi ziphathi-mandla aziwafuni amaNgqina. Elinye iNgqina elimangalelweyo libalisa oko kwathethwa ngomnye umcuphi, wathi: “Ukuba nje unokutyobela eli phepha, uvume ukuba uyayeka ukuba liNgqina likaYehova, singakuyek’ uhambe, sicime neli tyala.”

La maNgqina ayi-16 anokuhlawuliswa, anyanzelwe ngomsebenzi okanye avalelwe entolongweni, kuxhomekeke kwisigwebo senkundla. Ukuba avalelwe, kungakho ingxaki kwinkululeko yonqulo kulo lonke elaseRashiya. Abazalwana noodadewethu baseRashiya banokurhuqelwa ezinkundleni kuba nje bengamaNgqina kaYehova yaye bezikhonzela ngoxolo. UAlyona Borodina okwaligqwetha lamaNgqina uthi: “AmaNgqina asoloko ephazanyiswa kumsebenzi wawo. Uncwadi lwawo kuthiwa lunenkcazelo eyingozi. Ukuba inkundla ikhe yenza isigqibo esinjalo, kuyanyanzeleka ukuba iyekiswe loo ncwadi ngenxa yesigwebo senkundla. Omnye umbhali wathi: ‘Xa bekwazi ukuyekisa iincwadi, bangabenzakalisa nabantu.’ Kungenzeka iphele tu inkululeko yonqulo kwelo.”

Kulindeleke ukuba ijaji iwise isigwebo sokugqibela ebudeni benyanga kaJuni 2014. AmaNgqina kaYehova akumazwe ngamazwe, nabanye abantu abanomdla kwinkululeko yonqulo basijonge ngamehl’ abomvu esi sigwebo.