Yiya kwinkcazelo

DISEMBA 20, 2017
ERASHIYA

INguqulelo Yehlabathi Elitsha Akukavunywa Ukuba Isetyenziswe ERashiya

INguqulelo Yehlabathi Elitsha Akukavunywa Ukuba Isetyenziswe ERashiya

Namhlanje, iNkundla Yengingqi YaseLeningrad isikhabile isibheno samaNgqina kwisigqibo esenziwe ngoAgasti kwiNkundla Yesixeko SaseVyborg sokuba mayiyeke ukusetyenziswa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele kuba yincwadi eyingozi. Bebemalunga nabantu abayi-30 abantu ebebezile njengokuba bekuxoxwa eli tyala, kuquka abameli baseBritani, eNetherlands, eSwitzerland naseMerika.

Kangangezihlandlo eziliqela ebudeni bokuxoxwa kweli tyala, ubungqina bebubonisa ukuba banxamnye namaNgqina ibe inkundla ibisebenzisa aba bantu kuthiwa ziingcali bangenazo iimpepha zokwenza umsebenzi, ebebesithi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha asiyoBhayibhile, nabebesebenzela ekubeni kuthiwe iyingozi.

Aba kuthiwa ziingcali bathi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha asiyoBhayibhile kuba yona ayitsho. Igqwetha lityhile iphepha lesihlanu leNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiRashiya ka-2007, elithi: “Le yinguqulelo entsha yeBhayibhile yesiRashiya.” Igqwetha libagxekile abo kuthiwa ziingcali, abasebenze iintsuku eziyi-287 kodwa abangakhange bakubone oku kwisiqendu sesithathu samaphepha okuqala eNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

Xa ibibuzwa, enye ingcali yathethelela oko yayikuthethe ekuqaleni isithi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha akunakuthiwa yiBhayibhile ngaphandle kokuba ibhalwe “isikelelwe ngutata” okanye ihambelana nenguqulelo enaloo mbhalo. Iingcali zaphinda zabambelela ekubeni le nguqulelo isebenzise igama likaThixo, uYehova ibe ayizixhasi iimfundiso ezithile zeecawa. Ijaji ayizange iphinde ifune ukuva igqwetha lithetha ngolunye uphando olwenziwe ziingcali.

Emva kokukhatywa kwesibheno sabo namhlanje, ayikho indawo abanokuncedwa kuyo abazalwana bethu eRashiya ibe baza kulifaka eli tyala kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu.

AmaNgqina KaYehova aqinisekile ukuba akukho mbutho unokulitshitshisa iLizwi likaThixo ibe nantoni na eyenziwayo ngoku ukuze kuthintelwe ukusasazwa kwalo ayizi kuphumelela.—Isaya 40:8.

Onokuqhagamshelana Naye:

EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000