Yiya kwinkcazelo

APRILI 3, 2017
ERASHIYA

Kwividiyo: Iingcali Ziphendula Kwizisongelo Zokuvalwa KwamaNgqina KaYehova ERashiya

Kwividiyo: Iingcali Ziphendula Kwizisongelo Zokuvalwa KwamaNgqina KaYehova ERashiya

NgoAprili 5, 2017, kulindeleke ukuba iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya yenze isigqibo ngokuvalwa komsebenzi nezakhiwo ezisetyenziswa ngamaNgqina KaYehova eRashiya. Ukuba esi sigqibo sinxamnye namaNgqina siza kuchaphazela unqulo lawo. Iingcali ngamalungelo abantu ezisuka eRashiya nakwamanye amazwe zithetha ngokungabikho kobulungisa kwabasemagunyeni eRashiya, kangangokuba zide zithi oku akuzi kuchaphazela nje amaNgqina kodwa kuza konakalisa nendlela edume ngayo iRashiya nangokungabaniki inkululeko yokukhonza abemi bayo.

  • UHeiner Bielefeldt uthi: “Ukuba amaNgqina KaYehova ayingozi, sonke sinjalo.”

    Owayesakuba Ngumphandi Okhethekileyo We-UN Ngenkululeko Yonqulo Okanye Inkolo

  • URichard Clayton, Igqwetha: “Ngumzekelo owothusayo wokusetyenziswa komthetho ongacacanga usetyenziselwa injongo embi.”

    Igqwetha Lamalungelo Abantu Abasehlabathini Lonke Nommeli WeBritani KwiKomishoni YaseVenice

  • UGqirha Massimo Introvigne uthi: “Ekuphela kwento edibanisa amaNgqina KaYehova nogonyamelo kukuba angamaxhoba alo.”

    Isazi Ngezentlalo Nowayesakuba Ngummeli We-OSCE Iqela Elilwa Nobuhlanga Nocalucalulo

  • UAnnika Hvithamar uthi: ‘Ukuba amaNgqina KaYehova ayingozi, loo nto itheth’ ukuba uninzi lweecawa zamaKristu ziyingozi nazo.’

    Unjingalwazi Wezifundo Ngezithethe Ezahlukahlukeneyo KwiYunivesithi YaseCopenhagen

  • ULyudmila Alekseyeva uthi: “Ayompazamo le, ndicinga ukuba kukwaphula umthetho.”

    Ibhinqa Elingusihlalo Kwiqela Ekuthiwa YiMoscow Helsinki, Ilungu LeBhunga LikaMongameli WaseRashiya Lebutho Namalungelo Abantu

  • UAnatoly Vasilyevich Pchelintsev uthi: “Masiwathethelele amaNgqina KaYehova!”

    Umhleli Oyintloko Wemagazini Ethetha Ngonqulo Nomthetho

  • UVladimir Vasilyevich Ryakhovskiy uthi: “Izinto zisoloko ziqala kumaNgqina KaYehova zize emva koko zenzeke nakwabanye abantu”

    Ilungu LeBhunga LikaMongameli WaseRashiya Lebutho Namalungelo Abantu

  • UMaksim Shevchenko uthi: “Esi simangalo siphazamisana nenkululeko yesazela”

    Umongameli Wezifundo Zonqulo Nezopolitiko

  • UGqirha Hubert Seiwert: ‘Zonke izityholo amaNgqina KaYehova ebebekwa zona, bezingenabungqina’

    UProfesa KwiSikolo Sonqulo kwiYunivesithi YaseLeipzig