Yiya kwinkcazelo

APRILI 10, 2015
ERASHIYA

INgqina LaseRashiya Lichole Imali Engaphezu Kwe-R82 000 Laza Layibuyisela Kumnini Wayo

INgqina LaseRashiya Lichole Imali Engaphezu Kwe-R82 000 Laza Layibuyisela Kumnini Wayo

EST. PETERSBURG, eRashiya—NgoNovemba 2014, uSvetlana Nemchinova, oliNgqina LikaYehova, wachola imvulophu enemali engaphezulu nje kancinci kwi-R82 000. Wayibuyisela kumnini wayo emva kokuba emkhangele ixesha elide. Le nto intle kangaka yenziwa nguNkszn. Nemchinova yavezwa kwiTV, kwirediyo nakwi-Intanethi.

Umsebenzi kaNkszn. Nemchinova kukucoca esitratweni kwisixeko saseVologda, esikwiikhilomitha ezisondeleyo ku-450 ukusuka eMoscow. Wathi esemsebenzini, wabona imvulophu. Wathi xa eyivula, wathi gqi ngesityhwentywe semali. Nangona le nkosazana ihlala kwigunjana elincinci nabantwana bayo abathathu, ithi: “Zange ndiyicinge nokuyicinga eyokuba ndithathe imali ndivale phezulu. Ndaye ndacing’ ukuba umnini wayo usengxakini.”

UNkszn. Nemchinova wazama ukukhangela umnini wale mali. Waqala ngokuxhoma isaziso kwizakhiwo ezikufutshane. Akuzange kubekho mntu uvelayo. UNkszn. Nemchinova wathatha le mali waya nayo ebhankini, kuba ngaphakathi kwimvulophu kwakukho irisithi echaza igama lebhanki. Ibhanki yathi loo mali yekaPavel Smirnov. Emva kokuzama ukufowunela umhlekaz’ uSmirnov izihlandlo eziliqela, ibhanki yada yamfumana yaza yamxelela ukuba imali yakhe ibhaqwe nguNkszn. Nemchinova.

Iphephandaba laseRashiya iPremier, lichaza ukuba, “uSvetlana akaboni nto yothusayo kule nto ayenzileyo. Ungumntu okhonzayo futhi uhlala efunda iBhayibhile.” Le nkosazana yacacisela eli phephandaba ukuba into eyabangela ukuba yenze ngale ndlela, ngumthetho okuMateyu 7:12, othi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”

UPavel Smirnov ume noSvetlana Nemchinova emva kokuba embuyisele imali yakhe ebilahlekile.

UMnu. Smirnov, olichule ekwenzeni ipeyinti, le mali ebeyongela ukuthenga izixhobo zokuphanda ngendlela yokwenza idayi. Lo mhlekazi uthe: “Andinawo amazwi anokuchaza indlela endimbulela ngayo uSvetlana. Emva kwale nto yenziwe nguSvetlana, uyakwazi ukuphinda ubathemb’ abanye abantu. Xa kunjalo, ayikhw’ enye into onokuyitsho ngaphandle kokuba uthi: ‘UThixo ukhona!’”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Russia: Yaroslav Sivulskiy, tel. +7 812 702 2691