Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 31, 2013
ERASHIYA

INkundla Ephakamileyo YaseYurophu Yala Ukuphinda Ihlole Isigwebo Esinxamnye NeRashiya

INkundla Ephakamileyo YaseYurophu Yala Ukuphinda Ihlole Isigwebo Esinxamnye NeRashiya

NgoMvulo, ngo-Oktobha 7, 2013, iNkundla Ephakamileyo YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yasikhaba ngawo omane isicelo saseRashiya sokuphinda kuhlolwe isigwebo esawa eNkundleni nge-6 kaJuni esinento yokwenza namaNgqina kaYehova. INkundla yafumanisa ukuba iRashiya inetyala lokuba ngugqada-mbekweni kwizinto zabantu eziyimfihlo ibe yayalela urhulumente ukuba ahlawule uNksz. V. Zhukova noNksz. Y. Avilkina, ngamnye kubo imali engange-R68 600. Abasemagunyeni eRashiya bacela iingxelo zabo zonyango esibhedlele bengakhange bafumane imvume yabo. IRashiya yacela ukuba eli tyala lidluliselwe kwiSigqeba SeNkundla Ephakamileyo. Noko ke, esi Sigqeba sasikhaba ngawo omane eso sicelo. Ngoko isigwebo esawiswa nge-6 kaJuni sokuba iRashiya ifanele ihlonele ilungelo labantu lokuba nezinto zabo eziyimfihlo, simele sithotyelwe ibe iNkundla yakhupha umyalelo wokuba iRashiya ihlawule..

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel.

+1 718 560 5000

ERashiya: UGrigory Martynov, tel. +7 812 702 2691