Yiya kwinkcazelo

APRILI 6, 2017
ERASHIYA

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Isaqhubeka Netyala Elinxamnye NamaNgqina KaYehova

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Isaqhubeka Netyala Elinxamnye NamaNgqina KaYehova

Kusuku lwesibini, iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya iyaqhubeka nesicelo seSebe Lobulungisa sokuvala Iziko LamaNgqina KaYehova eRashiya. Ekupheleni kolu suku ityala liye lamiswa de kwangoLwesihlanu, Aprili 7, 2017, ngo-10:00 kusasa.

UDavid A. Semonian, isithethi samaNgqina esikwikomkhulu lehlabathi eNew York sithi: “Ngoxa bekuxoxwa ityala namhlanje, kuye kwabonakala ukuba iSebe Lobulungisa alinazo izizathu ezivakalayo nxamnye nentlangano yethu.” Wongezelela ngelithi: “Isebe Lobulungisa litsho phandle ukuba, ukuba emva kokuba evaliwe amaNgqina kaYehova ayaphinda adibane ukuze athandaze, asenokutshutshiswa. Sinethemba lokuba iNkundla Ephakamileyo iza kubonisa ubulungisa ibe ayizokukuvumela ukuphathwa kakubi kwamalungelo abantu.”

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

ERashiya: UYaroslav Sivulskiy, +7-812-702-2691