Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 1, 2014
ERASHIYA

AmaNgqina Abhenela KwiNkundla Ephakamileyo YaseRashiya Ngenxa Yokuvalwa Kwentlangano Yawo ESamara

AmaNgqina Abhenela KwiNkundla Ephakamileyo YaseRashiya Ngenxa Yokuvalwa Kwentlangano Yawo ESamara

Ngo-Oktobha 8, 2014, iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya iza kube ichophele isibheno samaNgqina kaYehova aseSamara mayela nokuvalwa kwentlangano yawo. Ngaphambilana, enye inkundla encinane yaseSamara yathi intlangano yamaNgqina inenkcazelo eyingozi. Ukuba iNkundla Ephakamileyo ayisijiki esi sigwebo, amaNgqina angaphezu kwayi-1 500 aseSamara anokutshonelwa lilang’ emini.

UMtshutshisi Wengingqi YaseSamara Usebenzisa Amaqhinga

Eli tyala laqala ngoAprili 2014, xa iOfisi yoMtshutshisi weNgingqi yaseSamara yafaka isimangalo kwiNkundla yeNgingqi yaseSamara ukuba ivalwe intlangano yamaNgqina kuba isithi inenkcazelo eyingozi. Kwanangaphambi kokuba eli tyala lifike enkundleni, le ofisi yomtshutshisi yawuvala okwethutyana umsebenzi wentlangano yamaNgqina yaza yathimba nezinto zayo. NgoMeyi 29, 2014, isigwebo sikaJaji Shabayeva safana nesomtshutshisi wengingqi, umsebenzi wamaNgqina wavalwa nezinto zawo zathinjwa. Emva kwesi sigwebo iSebe Lezomthetho laseRashiya lafaka amaNgqina kuludwe lweenkonzo ezinenkcazelo eyingozi.

Esi ayisosihlandlo sokuqala iOfisi yoMtshutshisi weNgingqi yaseSamara isenza iinzame zokuba intlangano yamaNgqina aseSamara ipheliswe. Ngo-2009 le ofisi yafaka esinye isimangalo esaya kufika enkundleni, kodwa ke kamva yaphinda yasirhoxisa. Kweli tyala lakutshanje, abasemagunyeni baseSamara baye beza neqhinga elahlukileyo ukuze intlangano yamaNgqina ipheliswe.

IiNkundla ZaseRashiya Zivala Intlangano YamaNgqina Ngezizathu Ezingavakaliyo

NgoJanuwari 2013 nangoJanuwari 2014, amapolisa agqogqa izakhiwo zamaNgqina yaye ngokutsho kwawo, afumana iincwadi zonqulo ezazikuludwe loncwadi olunenkcazelo eyingozi. IOfisi yoMtshutshisi yeSixeko saseSamara yawatyityimbisel’ umnwe amaNgqina ngo-2013. Ngo-2014 le ofisi yafak’ isimangalo enkundleni kuba amapolisa aphinda afumana ezinye iincwadi. NgoMatshi 7, 2014, iNkundla yeNgingqi yaseSovetskiy yawafumanis’ enetyala yaza yawahlawulisa imali engange-R15 213. AmaNgqina aseSamara aqinisekile ukuba kuzo zozibini ezi zihlandlo amapolisa afumana iincwadi ezeza nawo kakade. Ukongezelela, amaNgqina kaYehova awavumelani nezigwebo zeRashiya zokuba iincwadi zawo zinenkcazelo eyingozi yaye afake isibheno kwiNkundla yaseYurophu Yamalungelo Abantu.

Emva kokuba iOfisi yoMtshutshisi weNgingqi yaseSamara yaxhasa isigwebo seNkundla yeNgingqi yaseSovetskiy, yafaka isimangalo ngoAprili 2014 kwiNkundla yeNgingqi yaseSamara sokuba unqulo lwamaNgqina luyingozi. Injongo yesi simangalo yayikukuba intlangano yamaNgqina ipheliswe. Amagqwetha amaNgqina axoxa phambi kweJaji uShabayeva eyeyisela ukuba ibone ukuba asikho isizathu esibambekayo ngokomthetho esibangela intlangano yamaNgqina ivalwe yaye unqulo nemisebenzi ayenzayo ayinabungozi. Aphinda athi iincwadi ezafunyanwa ngamapolisa zazibekwe kwangawo. Kodwa sekunjalo, iJaji uShabayeva yagqiba kwelokuba ipheliswe intlangano yamaNgqina eSamara.

Ngaba Abasemagunyeni BaseRashiya Baza Kuqhubeka Beyijongela Phantsi Inkululeko Yonqulo?

Iziganeko zetyala laseSamara ziyafana nezo zamaNgqina kaYehova aseTaganrog, apho abasemagunyeni baseRashiya beye bawusebenzisa kakubi umthetho wezinto eziyingozi ukuze bawuphelis’ umsebenzi wamaNgqina. Ngo-2009 abasemagunyeni bakwazi ukuyivala intlangano yamaNgqina eTaganrog, yaye aphinda asa amaNgqina athile ukuba aye kuxox’ enkundleni. Oku kwaphumela ekuvalelweni kwamaNgqina asixhenxe kuba nje eye kwiintlanganiso zenkonzo. AmaNgqina kaYehova aseSamara axhalabile hleze imiphumo yeli tyala ifane neyaseTaganrog.

Abasemagunyeni baseRashiya baza kuyeka nini ukuhlasela unqulo lwamaNgqina kaYehova? Ukususela ngoJuni 2014 kukho izityholo nezimangalo zobuxoki aye atyatyekwa ngazo amaNgqina kwiindawo ezahlukahlukeneyo eRashiya kuba esasaza uncwadi lonqulo ekuthiwa luyingozi. AmaNgqina kaYehova eSamara anethemba lokuba iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya iza kuzilungisa izinto.