Yiya kwinkcazelo

JULAYI 18, 2017
ERASHIYA

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Ihambisana Nesigqibo Eyasenza Kuqala Sokuba Avalwe AmaNgqina KaYehova

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Ihambisana Nesigqibo Eyasenza Kuqala Sokuba Avalwe AmaNgqina KaYehova

NgoJulayi 17, 2017, iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya ihambisene nesigqibo eyasenza kuqala sokuba uvalwe umsebenzi owenziwa ngamaNgqina KaYehova eRashiya, inyhasha umthetho wehlabathi iRashiya ezibophelele kuwo ovumela abantu bakhonze ngokukhululekileyo. Ngenxa yesi sigqibo ngoku amaNgqina KaYehova awavumelekanga ukuba akhonze kwelo lizwe.

Iijaji ezintathu zeqela elijongene nezibheno zeNkundla Ephakamileyo zisikhabile isibheno samaNgqina zixhasa isigqibo esenziwa yiNkundla ngoAprili 20 yiJaji uYuriy Ivanenko. Isigwebo seJaji sahambisana nesicelo esafakwa liSebe Lobulungisa laseRashiya sokuba livalwe iZiko lamaNgqina KaYehova eliseRashiya nezinye iiofisi zawo ezisekuhlaleni zize zonke izakhiwo zawo zinikezelwe kurhulumente.

Amagqwetha amaNgqina KaYehova

Esi sigqibo senziweyo sibangela ukuba amaNgqina KaYehova angaphezu kwayi-175 000 abe sesichengeni. UPhilip Brumley Umcebisi Oyintloko wamaNgqina KaYehova uthe: “AmaNgqina KaYehova ehlabathini lonke ayixhalabele kakhulu impilo-ntle yabazalwana noodade baseRashiya. Isigqibo seqela elijongene nezibheno senza kubonakale ngathi kusemthethweni ukuwaphatha kabuhlungu amaNgqina KaYehova aseRashiya nokuwatshutshisa kuba lisithi ophula umthetho. Ngoku amaNgqina awamkelekanga kwilizwe lawo.”

AmaNgqina KaYehova aseRashiya afake isibheno sokuba kwenziwe ubulungisa kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu nakwiKomiti Yamalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo. Ngoxa esenza oko, wona amanye amaNgqina asehlabathini lonke athandazela ukuba urhulumente waseRashiya asirhoxise isigqibo sakhe aze ahlonele amalungelo abantu ukuze amaNgqina ‘aqhubeke ephila ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo,’ njengoko isitsho eyoku-1 kuTimoti 2:2.