Yiya kwinkcazelo

JULAYI 24, 2017
ERASHIYA

INkundla YaseOryo ilandisile ixesha eliza kuhlalwa nguDennis Christensen entolongweni

INkundla YaseOryo ilandisile ixesha eliza kuhlalwa nguDennis Christensen entolongweni

NgoJulayi 20, 2017, INkundla YeSithili YaseOryo yalandisa ixesha eliza kuhlalwa nguDennis Christensen entolongweni elinde ukuxoxa ityala ukuya kutsho ngoNovemba 23, 2017. UMnumzan’ uChristensen liNgqina likaYehova laseDanish, wabanjwa ngoMeyi 25 esenkonzweni eOryol ngabezokhuseleko bekunye namapolisa axhobileyo ayezigqume ubuso.

Igqwetha lakhe lafaka isicelo sokuba akhululwe ngebheyile ibe lalikulungele ukuhlawula iindleko zakhe. Kodwa ke inkundla ayizange ivume ukuba akhululwe nangona wayengophulanga mthetho ibe esaziwa ukuba uziphethe kakuhle.

Ukwandiswa kwexesha eliza kuhlalwa nguMnumzan’ uChristensen entolongweni, kuza emva kwesigqibo esenziwa ziijaji ezijongene nezibheno ngoJulayi 17 sokuba livalwe iZiko lamaNgqina kunye neezinye iiofisi zawo kwelo lizwe njengoko kwakugqitywe njalo ngaphambili. Emva kwephulo elithathe iminyaka emininzi kufunwa ukuba amaNgqina atshutshiswe ibe ajongwe njengayingozi, ngoku abasemagunyeni eRashiya baphumelele kobu buxoki bawo ibe namaNgqina akazovunyelwa ukuba akhonze.

Ethetha ngemeko yamaNgqina KaYehova aseRashiya, uKate M. Byrnes, weChargé d’Affaires, uthe: “Asivumelani nesigqibo esenzwe yiNkundla Ephakamileyo ngoJulayi 17 esixhasa ukungavunyelwa kwamaNgqina ukuba akhonze nokuba livalwe iZiko lawo kunye neeofisi zawo eziyi-395 kuba kusithiwa ayingozi. Iyasikhathaza into yokuba amaNgqina KaYehova angaphaya kwayi-175 000 eRashiya ngoku aza kutshutshiswa ngokwaphula umthetho ngenxa nje yokukhonza. Kubuhlungu ukubona ukuba iyanda into yokuba abantu abamsulwa nabazikhonzela ngoxolo eRashiya kusithiwa bayingozi.”