Yiya kwinkcazelo

JULAYI 16, 2014
ERASHIYA

INkundla YaseRashiya Iza Kuwisa Isigwebo: AmaNgqina KaYehova Asenokubanjelwa Ukholo Lwawo

INkundla YaseRashiya Iza Kuwisa Isigwebo: AmaNgqina KaYehova Asenokubanjelwa Ukholo Lwawo

NgoJulayi 28, 2014 iNkundla Yesixeko YaseTaganrog iza kuwisa isigwebo kwityala elithathe iinyanga eziyi-15 lamaNgqina kaYehova ayi-16. Abasemagunyeni baseTaganrog bamangalela amaNgqina kaYehova kuba ehlanganisana ukuze akhonze aze aphinde ashumayele ebantwini—izinto ezenziwa ngamaNgqina kaYehova kuwo onke amazwe. Ukuba la maNgqina aye agwetywa eTaganrog, loo nto iya kubangela nezinye iinkundla zaseRashiya zenze okufanayo kumaNgqina kaYehova.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

ERashiya: UGrigory Martynov, tel. +7 812 702 2691