Yiya kwinkcazelo

DISEMBA 11, 2017
ERASHIYA

Inkundla YaseRashiya Ixoxa Ngesigqibo Esenziweyo Sokuba IBhayibhile Iyingozi

Inkundla YaseRashiya Ixoxa Ngesigqibo Esenziweyo Sokuba IBhayibhile Iyingozi

NgoDisemba 6, 2017, iNkundla YeNgingqi YaseLeningrad yayixoxa ngesibheno esenziwe ngamaNgqina ngesigqibo senkundla ephantsi sokuyekisa ukusetyenziswa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiRashiya.

Ityala liqale ngokuba amagqwetha amaNgqina axoxe ngesigqibo esenziwe yiNkundla Yesixeko SaseVyborg, yona ethembele koko kuthethwa ngumntu ekuthiwa yingcali. Inkundla yesixeko ayikhange ibone nevesi enye kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ethe iyingozi. Le nkundla ixhase isigqibo salowo kuthiwa yingcali, sokuba iNguqulelo Yehlabathi Elitsha iyingozi kuba isebenzisa igama likaThixo, elinguYehova. Amagqwetha akhumbuze inkundla ukuba igama likaThixo lincede abantu abaninzi kwimbali yaseRashiya ibe lifumaneka kwiinguqulelo ezininzi zeBhayibhile. Kwakhona baxhase oko kuthethwa yile ngcali yabo, xa isithi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha asiyoBhayibhile kuba akukho ndawo itshoyo kuyo. Bephikisa oko, amagqwetha atyhila amaphepha asekuqaleni kwinguqulelo ka-2007, aza abonisa inkundla indawo ethi: “Le yinguqulelo entsha yeBhayibhile yesiRashiya.”

INkundla Yengingqi YaseLeningrad igqibe ekubeni ibize ezinye iingcali ukuze zihlole iBhayibhile ibe ityala liye lamiswa de ibe nguDisemba 20, 2017, ngo-2:30 emva kwemini.