Yiya kwinkcazelo

APRILI 13, 2016
ERASHIYA

Inkundla YaseRashiya Iye Yaxoxa Ityala LamaNgqina

Inkundla YaseRashiya Iye Yaxoxa Ityala LamaNgqina
  • ETaganrog, Kwingingqi yaseRostov. NgoMatshi 17, 2016, inkundla yaseRostov yawisa isigwebo kumaNgqina ali-16 ngenxa yonqulo lwawo kodwa yanciphisa imali ekwakufuneka ibhatelwe ngamaNgqina ali-12 de yaya kutsho kwiirandi ezingama-2297.11. Esona sizathu sokuba angahlawuliswa ibe angavalelwa asikaziwa kunangoku.

  • Umtshutshisi uzingela nantoni na enokumnceda avakale kwisityholo sakhe sokuba iBhayibhile yamaNgqina iyingozi. ILeningrad-Finlyandskiy Umtshutshisi wezothutho uye wafaka isimangalo sokuba INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epapashwe ngamaNgqina kaYehova iyingozi. Oku kukutyeshela umthetho weNqaku 3-1 lwencwadi yomthetho olwa nabantu abenza izinto eziyingozi okwalelayo ukusetyenziswa kakubi komthetho kwiBhayibhile. Nangona iNguqulelo Yehlabathi Elitsha iyiBhayibhile, umtshutshisi uthethelele isimangalo sakhe ngokuthi iiBhayibhile zezo zenziwe ngokuvumelana nezithethe ezingcwele zeCawa yobuOthodoki yaseRashiya. Inkundla yaseVyborg iza kuxoxa eli tyala kwakhona ngoAprili 26, 2016.