Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 23, 2017
ERASHIYA

INkundla YaseRashiya Iza Kuxoxa Ngesibheno SamaNgqina Emva Kokuba Kuthiwe IBhayibhile “Iyingozi”

INkundla YaseRashiya Iza Kuxoxa Ngesibheno SamaNgqina Emva Kokuba Kuthiwe IBhayibhile “Iyingozi”

NgoDisemba 6, 2017, iNkundla Yenqila eLeningrad iza kuxoxa ngesibheno samaNgqina kwisigqibo ebesenziwe yinkundla engaphantsi sokuyekisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngesiRashiya.

NgoAgasti 2017, iNkundla Yesixeko saseVyborg yavumelana nomtshutshisi xa wayesithi INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ayiyoBhayibhile kuba ilifakile igama likaThixo, elithi, “Yehova” elimelwe yiTetragrammaton. Oku kuza kwenza umtshutshisi awusebenzise kakubi umthetho olwa nonqulo oluyingozi kuba lo mthetho awuvumi ukuba kuthiwe iZibhalo Ezingcwele ziyingozi.

AmaNgqina KaYehova, apapashe INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngesiRashiya awahambisani nesigqibo seNkundla Yesixeko saseVyborg esithi, iBhayibhile yincwadi “eyingozi.” INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ipapashwe ngeelwimi eziyi-161 ibe yincwadi ehlonitshwayo ngabantu, echanileyo nekulula ukuyifunda. Kusasazwe iikopi ezingaphezu kwe-200 miliyoni.