Yiya kwinkcazelo

JULAYI 2, 2013
ERASHIYA

Inkundla YaseYurophu Ithethelela Amalungelo AmaNgqina KaYehova

Inkundla YaseYurophu Ithethelela Amalungelo AmaNgqina KaYehova

ENEW YORK—NgoLwesine, ngoJuni 6, 2013, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu yagunyazisa iRashiya ukuba ihlawule inkosikazi engu V. Zhukova no Y. Avilkina imali engange R65 000 ngamnye wabo. Urhulumente waseRashiya wathatha iingxelo zonyango eziyimfihlo zenkosikazi uZhukova noAvilkina ngaphandle kwemvume yabo. Inkundla yathi abasemagunyeni baseRashiya bophule umthetho ngokuthatha baze basebenzise inkcazelo eyimfihlo yezonyango yala makhosikazi.

Isigwebo seli tyala senziwa emva kweminyaka emihlanu lixoxwa. Ngo-2007 iSekela loMtshutshisi waseSt. Petersburg lathi kwizibhedlele ezikwesi sixeko zikhuphe zonke iingxelo zonyango “zokungavumi utofelo-gazi kwamaNgqina kaYehova” zize zisiwe kwiofisi yomtshutshisi, kungakhange kucelwe mvume yezigulana. Ngoko ngo-Matshi 9, 2009, amaNgqina afaka isimangalo esithi Avilkina and Others v. Russia kwiNkundla yaseYurophu. Kwisigwebo sayo, le Nkundla yathi iRashiya “iyacinezela” yaye “bekungekho sizathu” sokuba inikezele ngeengxelo zonyango kuba ziyimfihlo.

Ethetha ngeli tyala uGrigory Martynov osisithethi samaNgqina kaYehova eRashiya wathi: “Esi sigqibo senziwe yiNkundla yaseYurophu siza kunceda abemi baseRashiya, nabamanye amazwe aphantsi kweYurophu ukuba akhusele amalungelo awo.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

ERussia: EGrigory Martynov, tel. +7 812 702 2691