Yiya kwinkcazelo

INkundla Yengingqi YaseLeningrad, apho bekubhenwa khona

DISEMBA 27, 2017
ERASHIYA

INkundla Isikhabile Isibheno SamaNgqina Yaza Yenza Isigqibo Sokuba IBhayibhile Iyingozi

INkundla Isikhabile Isibheno SamaNgqina Yaza Yenza Isigqibo Sokuba IBhayibhile Iyingozi

Inkundla yesibheno isixhasile isigqibo ebesenziwe yinkundla engaphantsi kwayo sokuba iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiRashiya yincwadi eyingozi. Ngoku akuvumelekanga ukusebenzisa le Bhayibhile eRashiya ibe kungekudala iza kufakwa kuludwe lweencwadi ekuthiwa ziyingozi kwelo lizwe. Ngoku ukuba umntu unika abanye le Nguqulelo Yehlabathi Elitsha wophula umthetho. Kwaukuba nayo lityala elinokwenza uhlawuliswe imali okanye ufumane isigwebo esiqatha.

INkundla Ayikhange Iyihoye Into Yokuba Ingcali Ize Nobungqina Obungacacanga

NgoDisemba 20, 2017, iNkundla Yengingqi yaseLeningrad ayikhange isitshintshe isigqibo seNkundla Yesixeko saseVyborg nangona umtshutshisi okanye abantu ekuthiwa ziingcali ezikhethwe yinkundla bengakhange basichaze esona sizathu sokuba bathi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha iyingozi. Esi sigqibo senziwe ngenxa yophando oluze nengcali olugxeka le nguqulelo yeBhayibhile yesiRashiya yakutshanje.

Iijaji ezintathu zenkundla yengingqi zibonile ukuba kukho into engadibaniyo kolu phando lwenziweyo ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha zaza zabiza iingcali ezize nolu phando ukuze zizibuze imibuzo. Xa ijaji uLarisa Gorbatova yabuza uNkosazana Kryukova, obehamba phambili xa bekusenziwa olu phando, ukuba iNguqulelo Yehlabathi Elitsha iyiBhayibhile kusini na, uthe ngokwesithethe samaKristu obuOthodoki, ayiyoBhayibhile. Xa igqwetha lamaNgqina lathi uNkosazana Kryukova makachaze noba yivesi enye ebonisa ukuba le nguqulelo iyingozi, akazange aphendule. Emva koko, ijaji uGorbatova yabuza uNkosazana Kryukova ukuba yintoni ebonisa ukuba le nguqulelo iyingozi, kodwa akazange avume ukuphendula esithi ngumbuzo onzima lowo.

Xa igqwetha lamaNgqina labuza uNkosazana Kryukova ukuba yintoni efunekayo ukuze iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ibe yiBhayibhile, wathi kufuneka ibe nendawo ebhalwe, “isikelelwe ngutata” okanye amagama ayo ahambelane nenguqulelo enalo mbhalo. Emva koko uNkosazana Kryukova wabuzwa ukuba kutheni uphando lusithi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ayiyonguqulelo ifanelekileyo. Xa yena nabanye abantu ekuthiwa zingcali bengazange bakwazi ukuphendula ukuba yintoni kanye kanye le ifunekayo, inkundla yayeka ukubuza ezi ngcali imibuzo.

Amagqwetha amaNgqina acela inkundla ukuba yamkele ubungqina obubonisa indlela ezenze ngokungekho sikweni ngayo ezi ngcali, kuquka nophando olufunyenwe kwiWikipedia nakumOthodoki ofundela ubufundisi. Iijaji zawavumela ukuba akwenze oko kodwa azizange zivume ukuba kubekho iingcali zokwenene ukuze zihlole iNguqulelo Yehlabathi Elitsha lize liphinde lixoxwe eli tyala.

Kutheni Ingafunwa Kangaka IBhayibhile?

Xa inkundla yayiseza kugqiba ukuxoxa ityala, igqwetha lamaNgqina labuza inkundla le mibuzo: “Yintoni kanye kanye le ifunwa yiofisi yomtshutshisi? Yintoni le ifuna ukuba yenzeke? Ngaba ifuna ukuba abantu abaninzi abathetha isiRashiya bayitshise le Bhayibhile? Ukuba abafuni ukuyitshisa, bavalelwe kuba besaphula umthetho?”

AmaNgqina KaYehova amaninzi aseRashiya anexhala lento eza kwenziwa ngabasemagunyeni ngenxa yesigqibo esenziwe yinkundla sokuba iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yamaNgqina iyingozi. Umthetho waseRashiya awuvumi ukuba kusasazwe iincwadi okanye zigcinwe zininzi, kodwa amapolisa aseRashiya ayegqitha kuloo mthetho. La mapolisa agqogqa amakhaya amaNgqina aza enza indlela yokuba ohlwaywe umntu onezi ncwadi nokuba zimbalwa ibe akazi kuzisasaza. Ukongezelela koko, abasemagunyeni banyengeza iincwadi ezimbalwa zamaNgqina ezingavumelekanga kwiindawo akhonzela kuzo bezama ukuba nobungqina. Emva koko, basebenzisa ezi ncwadi babesithi bazifumene ukuze kuvalwe iiofisi zamaNgqina aze nawo abe netyala lokwaphula umthetho.

Ngaba aseza kuqhubeka egqogqwa amakhaya amaNgqina? Ngaba aza kuba netyala lokwaphula umthetho ngenxa nje yokuba eneNguqulelo Yehlabathi Elitsha? Kuyabonakala ukuba abasemagunyeni baseRashiya baza kusebenzisa esi sigqibo njengesinye isizathu sokucinezela amaNgqina ukuze angabi nayo inkululeko yokukhonza.