Yiya kwinkcazelo

JUNI 2, 2017
ERASHIYA

INkundla Yenqila YaseOryol Iza Kuxoxa Ngesibheno Sokugcinwa KukaDennis Christensen Entolongweni

INkundla Yenqila YaseOryol Iza Kuxoxa Ngesibheno Sokugcinwa KukaDennis Christensen Entolongweni

KwiNkundla Yenqila yaseOryol ngo-2:00 emva kwemini ngoJuni 7, 2017, kuza kuxoxwa ngesibheno sokugcinwa kukaDennis Christensen waseDanish entolongweni elindele ukuxoxwa kwetyala lakhe. UMnumzan’ uChristensen ongumdala webandla lamaNgqina KaYehova laseOryol, ubanjwe ngoMeyi 25, 2017, xa amapolisa ambonzeleka ngoxa amaNgqina ayekhonza phakathi evekini.

Urhulumente waseRashiya ekukudala ehlasela inkululeko yokukhonza ngokukhululekileyo kwamaNgqina KaYehova, utyhole iiofisi zamaNgqina zasekuhlaleni eOryol esithi “zenza imisebenzi eyingozi” ibe ngoJuni 2016 wazivala. Njengokuba iNkundla Ephakamileyo ilivalile iZiko Lolawulo lamaNgqina KaYehova eRashiya, iSebe Lelizwe Lezokhuseleko lithi, amaNgqina aseOryol asaqhubeka nokwaphula umthetho ngokwenza izinto eziyingozi xa edibana ukuze akhonze.

ISebe Lelizwe Lezokhuseleko liqalise ukuphanda ngoMnumzan’ uChristensen kuba lisithi wayengomnye wabantu abasebenza kwiofisi yamaNgqina evaliweyo eOryol. Kodwa ke, uMnumzan’ uChristensen akazange asebenze kule ofisi. Ngoku ugcinwe entolongweni de ibe nguJuni 23, 2017, kuba umtshutshisi ecingela ukuba angabaleka kuba engengowalapho, ngaphambi kokuba iSebe Lelizwe Lezokhuseleko liqoshelise uphando lwalo.

Ukongezelela kwisibheno esenziweyo ngenxa yokugcinwa kukaMnumzan’ uChristensen entolongweni, amaNgqina KaYehova afaka izikhalazo zawo kwiinkundla zasehlabathini lonke. Ngenxa yesigqibo esenziwe yiNkundla Ephakamileyo, amaNgqina KaYehova amaninzi eRashiya aphethwe kakubi ngabantu basekuhlaleni nangurhulumente.