Yiya kwinkcazelo

JUNI 1, 2015
ERASHIYA

Kungekudala Kuza Kuphuma Isigqibo Esibalulekileyo Kwityala LaseTaganrog

Kungekudala Kuza Kuphuma Isigqibo Esibalulekileyo Kwityala LaseTaganrog

Ukususela ngoFebruwari 2015, sele kuyinyanga yesihlanu ngoku kuchotshelwe ityala eliqalwe phantsi lamaNgqina KaYehova ayi-16 aseTaganrog, eRashiya. La maNgqina ajongene nokuvalelwa kunye nokuhlawuliswa ngenxa yonqulo lwawo nje qha.

Ityala lawo laqala ngoMeyi 13, 2013, emva kokumangalelwa ngenxa yokuba kusithwa enze into engekho semthethweni. Inkundla yawagweba ngomdliwo amaNgqina asixhenxe yaza amane wona yawanika isigwebo sokuthothoz’ entolongweni, kodwa ijaji yazichitha ezo zigwebo. Ngenxa yesicelo somtshutshisi ngoDisemba 12, 2014, inkundla yesibheno yayalela ukuba liqalwe phantsi ityala. AmaNgqina KaYehova alindele isigwebo esitsha ekupheleni kukaJuni.