Yiya kwinkcazelo

Kutshiswa indlu yeNgqina LikaYehova eseLutsino, kummandla waseMoscow.

JUNI 16, 2017
ERASHIYA

Isigqibo SeNkundla Ephakamileyo YaseRashiya Sibangele Aphathwa Kakubi AmaNgqina KaYehova

Isigqibo SeNkundla Ephakamileyo YaseRashiya Sibangele Aphathwa Kakubi AmaNgqina KaYehova

Isigqibo esenziwe yiNkundla Ephakamileyo ngoAprili 20, 2017, sibangele aphathwa kakubi amaNgqina KaYehova. Abasemagunyeni abawahloneli amalungelo abalulekileyo amaNgqina ibe bathi ukukhonza kwawo kukwaphula umthetho. Kwangaxeshanye, abanye abahlali baseRashiya bathi esi sigqibo senziwe yiNkundla sinike abantu imvume yokuwacalucalula nokuwaphatha kakubi amaNgqina.

Urhulumente WaseRashiya Akawahloneli Amalungelo Abantu

UDennis Christensen

AmaNgqina KaYehova Atyholwa Ngokwaphula Umthetho

  • NgoMeyi 25, amapolisa aphazamisa ngoxa ibandla lamaNgqina KaYehova laseOryol lalikhonza. Amapolisa abamba uDennis Christensen waseDenmark ongumdala kwibandla laseOryol. UMnumzan’ uChristensen ugcinwe entolongweni elinde ukuxoxwa kwetyala lakhe de kube ngoJulayi 23 ngoxa umtshutshisi ezama ukukhangela ubungqina kwizityholo zokuba wenza imisebenzi eyingozi. Ukuba ufunyaniswe enetyala, uMnumzan’ uChristensen usenokugwetywa iminyaka emithandathu ukuya kutsho kwelishumi.

Iiofisi Zasekuhlaleni ZamaNgqina Zifumene Izilumkiso

  • NgoMeyi 4, iofisi yomtshutshisi yakhupha isilumkiso kusihlalo weofisi yasekuhlaleni yamaNgqina eseKrymsk. Esi silumkiso sathi, usihlalo nabanye abantu abakule ofisi banokuba netyala lokwaphula umthetho ukuba bayadibana ukuze bakhonze.

  • Ukususela ngexesha iNkundla Ephakamileyo eyenza ngaso isigqibo, ubuncinane zintlanu iiofisi zasekuhlaleni zamaNgqina eziye zafumana isilumkiso esifanayo.

Amapolisa Aphazamisa Ukukhonza KwamaNgqina

  • NgoAprili 22, amapolisa aphazamisa amaNgqina kwindawo awayekhonzela kuyo eDzhankoy, kwiRiphabliki yaseCrimea, njengoko ayegqibezela iintlanganiso zawo. La mapolisa athi, emva kwesigqibo esenziwe yiNkundla Ephakamileyo, amaNgqina akuvumelekanga ukuba akhonze. Amapolisa asigqogqa esi sakhiwo aza asivala ukuze amaNgqina angaphinde akhonzele kuso.

  • Ukususela ngexesha iNkundla Ephakamileyo eyenza ngaso isigqibo, ubuncinane amapolisa aziphazamise kahlanu iinkonzo zamaNgqina, enye yazo yayiqhutyelwa endlini.

“Indikhathaza kakhulu into yokuphathwa ngendlela engafanelekanga kwamaNgqina KaYehova eRashiya. . . . Ndicela abasemagunyeni baseRashiya bavumele amaNgqina KaYehova ukuba abe nenkululeko yokukhonza, eyokucinga, eyokuthetha neyokuhlanganisana ngokuvisisana nokuzibophelela kweli lizwe kumthetho wehlabathi ongamalungelo abantu noMbutho Wokhuseleko Nentsebenziswano Yamazwe eYurophu.”—UMichael Georg Link, uMalathisi woMbutho Wokhuseleko Nentsebenziswano Yamazwe eYurophu Yemibutho Yenkululeko Namalungelo Abantu

Abantwana AbangamaNgqina Baphathwa Kakubi Esikolweni

  • NgoAprili 24, eBezvodnoye, kummandla waseKirov, utitshala wahlekisa ngabantwana ababini abanomama oliNgqina LikaYehova. Lo titshala wazithethelela ngokuthi, amaNgqina KaYehova avaliwe eRashiya.

  • NgoMeyi 17, kummandla waseMoscow, inqununu yesikolo yanika abazali isilumkiso esibhalwe phantsi kuba umntwana wabo oneminyaka esibhozo ethethe ngoThixo komnye umntwana oseklasini yakhe. Esi silumkiso sasithetha ngesigqibo seNkundla Ephakamileyo esasisithi “zonke izinto ezingenanto yakwenza nezinto ezifundiswa esikolweni azivumelekanga.” Inqununu yagrogrisa aba bazali ngokuxelela amapolisa ngale nto ibe yathi “iza kucela ukuba lo mntwana asiwe kwesinye isikolo.”

AmaNgqina Awavunyelwa Ukuba Enze Eminye Imisebenzi Engenanto Yakwenza Nokuya Emkhosini

  • NgoAprili 28, ikomishoni ekubhaliswa kuyo xa umntu eza kuya emkhosini yakummandla waseCheboksary nowaseMarposadskiy ayizange isamkele isicelo samaNgqina KaYehova sokwenza eminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini. Le komishoni yathi amaNgqina KaYehova ayingozi ibe awanakwenza eminye imisebenzi.

  • Ubuncinane, mabini amaNgqina afake isicelo esifanayo sokwenza imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini kodwa nawo awavunyelwanga.

UPhilip Brumley, umcebisi oyintloko wamaNgqina KaYehova, uyibone iphikisana into ethethwa ngurhulumente waza wathi: “Urhulumente akavumi ukuba ulutsha olungamaNgqina lwenze eminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini kuba esithi luyingozi kodwa ufuna kwaolu lutsha athi luyingozi luye emkhosini. Yenzeka njani into yokuba urhulumente avumelele abantu abayingozi ukuba baye emkhosini?”

AmaNgqina Aphethwe Kakubi Ibe Ayacalucalulwa Ekuhlaleni

Izinto Ezibuhlungu Ezehlela AmaNgqina

  • NgoAprili 30, eLutsino, kummandla waseMoscow itshiswe yaphela indlu yentsapho neyabazali abangamaNgqina. Lo mntu utshise le ndlu waqala ngokuxelela le ntsapho ukuba akayithandi inkonzo yayo emva koko watshisa indlu yayo.

  • NgoMeyi 24, eZheshart, kwiRiphabliki yaseKomi, abantu basitshisa isakhiwo akhonzela kuso amaNgqina KaYehova.

    IHolo YoBukumkani yamaNgqina etshisiweyo eZheshart

  • Ubuncinane, zisithoba iindawo akhonzela kuzo amaNgqina ezonakalisiweyo ukususela ngexesha iNkundla Ephakamileyo yenza ngaso isigqibo, ngoAprili 20, 2017.

  • NgoAprili 26, lathi liphuma endlini iNgqina LikaYehova laseBelgorod lakhwazwa ngumntu esithi: “Nivaliwe nina!” emva koko walibetha.

  • NgoMeyi 11, iqela lamadoda laphazamisa inkonzo yamaNgqina KaYehova eTyumen, lawathuka laza lawagrogrisa ngokuwenzakalisa amaNgqina awayelapho.

AmaNgqina Agxothwa Emsebenzini

  • NgoMeyi 15, abaphathi benkampani yemichiza yaseDorogobuzh, kummandla waseSmolensk bagxothe onke amaNgqina KaYehova emsebenzini. Aba baphathi bathi, bayalelwe ngamapolisa ukuba bagxothe onke amaNgqina kuba ayingozi ibe awanakukwazi ukusebenza kule nkampani.

  • Ukususela ngexesha iNkundla Ephakamileyo eyenza ngaso isigqibo, ubuncinane zintathu izihlando apho amaNgqina aye agrogriswa ngokugxothwa emsebenzini kuba ekhonza kwinkonzo ekuthiwa iyingozi. EYashkino, kummandla waseKemerovo, amapolisa anyanzela elinye iNgqina ukuba lithethe ngamanye kodwa alizange livume. Amapolisa athi, akukho semthethweni ukuba lilungu lenkonzo evaliweyo ibe afanisa amaNgqina KaYehova nabagrogrisi ekuthiwa yi-ISIS.

Amanye AmaNgqina Axhalabele Impilo-ntle YamaNgqina KaYehova AseRashiya

Kule minyaka ilishumi idlulileyo ukuza kuthi ga ngexesha iNkundla Ephakamileyo eyenza ngaso isigqibo, amaNgqina KaYehova ebesoloko engamaxhoba okuphathwa kakubi eRashiya, engenayo inkululeko yokukhonza nto leyo ibixhaswa nangurhulumente. Emva kwesi sigqibo senziwe yiNkundla, ngoku amaNgqina awakhuselekanga tu. Esi sigqibo silingcolisile igama lamaNgqina ibe sibangele ukuba abantu nabasemagunyeni bawaphathe kakubi amaNgqina njengoko sibonile kwezi zinto sele zenzekile. AmaNgqina KaYehova ehlabathini lonke anexhala lento eza kwenzeka kumaNgqina aseRashiya ukuba iqela leejaji ezijongene nezibheno kwiNkundla Ephakamileyo zixhasa esi sigqibo xa kuxoxwa ityala ngoJulayi 17, 2017.

UMnumzan’ uBrumley uthe: “Akukho nobungqina obubonisa ukuba amaNgqina KaYehova ayingozi. Indlela ekuthiwa amaNgqina ayingozi ngayo ekuhlaleni, etyholwa ke phofu ayiyonto xa ithelekiswa nentshutshiso ayinyamezeleyo. Kufuneka iRashiya icingisise ngendlela ewaphatha ngayo amaNgqina KaYehova ize ithobele umgaqo-siseko wayo nomthetho wamazwe ovumela abantu ukuba bakhonze ngokukhululekileyo.”