Yiya kwinkcazelo

JULAYI 31, 2014
ERASHIYA

INkundla YaseTaganrog Igweba AmaNgqina KaYehova Ngenxa Yokholo Lwawo

INkundla YaseTaganrog Igweba AmaNgqina KaYehova Ngenxa Yokholo Lwawo

NgoJulayi 30, 2014, amaNgqina ayi-7 kwayi-16 aye afunyaniswa enetyala aza agwetywa yiNkundla Yesixeko kuba eye aceba aza abamba iintlanganiso zenkonzo. Asiwa enkundleni kuba nje esenza izinto ezenziwa ngamanye amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke. Esi sigwebo siza kubangela amaNgqina kaYehova akulo lonke elaseRashiya angabi nayo ncam inkululeko yonqulo.

Ijaji yayiza kuwisa isigwebo ngoJulayi 28, 2014, kodwa inkundla yanqumama laza ityala laqhubeka ngosuku olulandelayo. NgoJulayi 29, ijaji yafunda isigwebo esasikumaphepha ayi-100 imini yonke yaza yasigqibezela kusasa ngoJulayi 30. Yagweba abadala abane ukuba bathothoze iminyaka emihlanu ukuya kwemihlanu enesiqingatha esiseleni nokuba bahlawule imali engange-R29 900. Yaphinda yagweba namanye amaNgqina amathathu ukuba ngalinye kuwo lihlawule imali engange-R14 900 ukuya kwi-R18 100. Kuba eli tyala lathatha ixesha elide kunokuba kwakucetyiwe, ijaji yathi akusayi kuba yimfuneko ukuba imali ihlawulwe yaza yazixhoma nezigwebo zentolongo. Amanye amaNgqina asithoba afunyaniswa engenatyala.

Le jaji yasekela isigwebo sayo kwisigwebo esenziwa yiNkundla YeNgingqi YaseRostov ngoSeptemba 2009 sokuba ivalwe iNtlangano YamaNgqina KaYehova aseTaganrog. Nangona isigwebo esawiswa ngo-2009 sasijoliswe kumbutho osemthethweni kuphela, le jaji yathi wonke umsebenzi wamaNgqina kaYehova eTaganrog nakwiingingqi eziyingqongileyo uvaliwe.

Ebudeni beli tyala elathatha iinyanga eziyi-15, abamangalelwa bathi abanakuze bayeke ukuba ngamaNgqina kaYehova okanye ukwenza imisebenzi yawo. Ukuba ayaqhubeka nomsebenzi wawo, amaNgqina asele egwetyiwe azibeka esichengeni sokuvalelwa kwakhona njengezaphuli-mthetho eziziinjubaqa.

UVictor Zhenkov, ongomnye wamagqwetha kweli tyala uthi: “Ndinoloyiko lwemiphumo yesi sigwebo kumaNgqina kaYehova aseRashiya. Abezomthetho baseTaganrog nakulo lonke elaseRashiya banokusebenzisa esi sigwebo ukuze bawaphathe kakubi amaNgqina kaYehova baze bawathothozise kwesimnyama kuba nje eqhubeka nokholo lwawo.”

AmaNgqina aseTaganrog aye abhenela kwiNkundla YeNgingqi YaseRostov.