Yiya kwinkcazelo

JULAYI 27, 2017
ERASHIYA

IRashiya Ithi IBhayibhile Iyingozi

IRashiya Ithi IBhayibhile Iyingozi

EZAKUTSHANJE: INkundla Yedolophu YaseVyborg ilimisile ityala de ibe ngoAgasti 9, 2017.

NgoJulayi 28, 2017, iNkundla Yedolophu YaseVyborg iza kuchophela ityala lokuba kusithiwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, epapashwe ngamaNgqina KaYehova yesiRashiya iyingozi. Eli tyala belisoloko limiswa ukususela ngoAprili 2016 emva kokuba ijaji yavumelana neLeningrad-Finlyandskiy Transport Prosecutor eyayifuna ukuba iingcali zihlole ukuba INguqulelo Yehlabathi Elitsha iyingozi na.

Emva kokulibazisa ixesha elide, olo hlolisiso lwagqitywa ibe iziphumo zafakwa enkundleni ngoJuni 22, 2017. Njengoko amaNgqina ebelindele, olo hlolisiso lwathi iBhayibhile iyingozi. Uhlolisiso luthi, INguqulelo Yehlabathi Elitsha asiyoBhayibhile. Ngale ndlela, babefuna ukungawuthobeli umthetho ongezinto eziyingozi, ongavumiyo ukuba iincwadi ezingcwele njengeBhayibhile kuthiwe ziyingozi. Ukongezelela, isigqibo solu hlolisiso sisekelwe kwiimfundiso zecawa. Ababhali bazo bathi akufanelekanga ukuguqulelwa koonobumba abane besiHebhere ngokuthi Yehova kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ibe bathi loo nto ivumelana neemfundiso zamaNgqina.

ITetragrammaton ngoonobumba abane begama likaThixo (יהוה) ngesiHebhere ibe babhalwa ngolu hlobo YHWH okanye JHVH ibe livela izihlandlo eziphantse zibe yi-7 000 kwiZibhalo ZesiHebhere.