Yiya kwinkcazelo

JULAYI 4, 2014
ERASHIYA

AmaNgqina KaYehova Axoxa Ityala ETaganrog

AmaNgqina KaYehova Axoxa Ityala ETaganrog

Ityala lamaNgqina kaYehova ayi-16 aseTaganrog eRashiya lineenyanga eziyi-14 lixoxwa—ibe lisaqhuba nakule nyanga kaJulayi 2014. Ebudeni beli xesha inkundla iye yahlola oko ikubiza ngokuba bubungqina obulingana nemiqulu eyi-60, equka iintlanganiso, imithandazo nofundo lweBhayibhile olurekhodiweyo. AmaNgqina kaYehova kuwo onke amazwe asebenzisa kwaezi zinto xa ekhonza.

Inkululeko yonqulo yala maNgqina amangalelweyo namanye ayi-800 aseTaganrog isenokuphela nanini na. La maNgqina ayi-16 alikhuphe latsola elokuba awazi kuyeka ukuba ngamaNgqina kaYehova enokuba sithini na isigwebo senkundla.

Le vidiyo isibonisa amanye ala maNgqina amangalelweyo namagqwetha awo, kwiinzame zokukhusela inkululeko yonqulo nakuba ikrokrisa kwaindlela amangalelwe ngayo.