Yiya kwinkcazelo

JULAYI 1, 2014
ERASHIYA

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu Ithethelela Ilungelo LamaNgqina KaYehova AseRashiya Lokuhlanganisana

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu Ithethelela Ilungelo LamaNgqina KaYehova AseRashiya Lokuhlanganisana

NgoJuni 26, 2014, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu igwebe ngelithi amaNgqina kaYehova anelungelo lokuhlanganisana ukuze anqule engakhange aphazanyiswe ngabasemagunyeni baseRashiya. Kwesi sigwebo siye sawiswa, le Nkundla ifumanise ukuba iRashiya ayiwuthobelanga umthetho wokunika abantu isidima sabo, ukhuseleko kunye nowenkululeko yokucinga, eyesazela neyonqulo xa amapolisa elo ambonzeleka ngobusuku buka-Aprili 12, 2006 aza aphazamisa inkonzo yamaNgqina.

Ngobo busuku, amaNgqina kaYehova ebehlanganisene ukuze aqhube inkonzo yonyaka nonyaka yokukhumbula ukufa kukaYesu Kristu. Amabandla amabini aseMoscow aqesha iholo yesikolo yaye ayelindele abantu abangaphezu kwabayi-400. Kuthe kusaqhutywa le nkonzo, kwafika amapolisa ajongene noqhankqalazo ngeemoto ezilishumi neekhombi ezimbini, ehamba namanye amapolisa ajongene neemeko eziyingozi namanye amapolisa amaninzi aqhelekileyo. Akhawuleza arhangqa isakhiwo aza aphazamisa inkonzo engenayo nemvume yokwenza oko. Athi makuphume wonk’ umntu kuloo holo, ayigqogqa, athatha uncwadi lwethu aza abamba namadoda ayi-14 ayelapho awasa emapoliseni ngenkani. Kwathi kusenjalo kwathunyelwa igqwetha elaliza kunceda la madoda. Amapolisa alimpampatha, aliwisa, alikhomba ngemel’ emqaleni aza athi ukuba nje likhe lafaka isimangalo ngale meko yenzekileyo, intsapho yalo iza kwehlelwa zizinto ezibuhlungu. La madoda akhululwa emva kwesithuba esingangosuku aza abuyela emakhayeni awo.

UNikolay Krupko, ummangaleli ophambili kweli tyala

UNikolay Krupko namanye amaNgqina amathathu ebebanjiwe, amangalela la mapolisa kuba eye aphazamisa inkonzo ngokungekho semthethweni. Alithatha eli tyala alisa kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu ngoJuni 2007, emva kokuba likhatyiwe yiNkundla YeNgingqi YaseLyublino neNkundla YeSixeko SaseMoscow.

Kwisigwebo sikaKrupko namanye amaNgqina nxamnye neRashiya esiwiswe ngoJuni 26, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu yathi: “Umthetho wale Nkundla uthi nokuba abasemagunyeni abakhange baziswe ngabantu abaza kuhlanganisana kwindawo kawonke wonke, ukuba nje abaququzeleli abakhange benze nto eza kuba yingozi ebantwini, amapolisa akamele angenelele kuba ‘loo nto inxamnye nedemokrasi.’ . . . Lo mthetho usebenza kakuhle kule meko, ngoba amaNgqina akakhange abe sisiphazamiso okanye abe yingozi nangayiphi na indlela ebantwini xa ebezibambele inkonzo yawo. Yayingekho semthethweni into yokuba amapolisa aphazamise inkonzo yamaNgqina, awabambe aze awavalele, nakuba abasemagunyeni besithi abakhange baziswe kwangethuba ngale nkonzo.”

Esi sisigwebo sesine esiwiswa nxamnye neRashiya ngamalungelo amaNgqina kaYehova. Ngo-2007 kwityala likaKuznetsov nabanye nxamnye neRashiya, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu yayigweba iRashiya ngelithi iphazamise inkonzo yamaNgqina azizithulu aseChelyabinsk ngokungekho semthethweni. Ngo-2010 le Nkundla yaphinda yagweba kwityala lamaNgqina kaYehova aseMoscow nxamnye neRashiya apho iOfisi Yomtshutshisi YaseMoscow yawavala amaNgqina kaYehova ekubeni abe yinkonzo ebhalisiweyo, naso esi senzo sasingekho semthethweni. Ngo-2013 le Nkundla yaphinda yagweba iRashiya kwityala lika-Avilkina nabanye, abathathelwa iingxelo zabo zonyango ngokungekho mthethweni yiOfisi Yomtshutshisi kwisixeko saseSt. Petersburg.

Izigwebo zeNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu zibonisa ukuba iRashiya iye ayawahlonela amalungelo abantu abhalwe kwakumgaqo-siseko wayo kwiinzame zayo zokuwacim’ igama amaNgqina kaYehova aseRashiya.