Yiya kwinkcazelo

ERASHIYA

Izinto Ezibalulekileyo Ezenzeke ERashiya

Izinto Ezibalulekileyo Ezenzeke ERashiya
  1. NGOMEYI 5, 2018—INkundla Yedolophu YaseSaint Petersburg ixhasa isigqibo sokuvumela urhulumente ukuba athathe iOfisi YeSebe lamaNgqina kaYehova eRashiya

    FUNDA OKUNGAKUMBI

  2. NGOJULAYI 17, 2017—INkundla Ephakamileyo YeZibheno YaseRashiya iye yasixhasa isigqibo sangoAprili 20. Umsebenzi wamaNgqina KaYehova uyavalwa eRashiya

    FUNDA OKUNGAKUMBI

  3. NGOAPRILI 20, 2017—INkundla Ephakamileyo YaseRashiya iye yagqiba ukuba uvalwe umsebenzi wamaNgqina kaYehova eRashiya

    FUNDA OKUNGAKUMBI

  4. NGONOVEMBA 30, 2015—AmaNgqina ayi-16 aphinda axoxa ityala eTaganrog ibe onke agwetywa ngenxa yonqulo lwawo. Ijaji iye yasixhoma isigwebo sawo

    FUNDA OKUNGAKUMBI

  5. NGODISEMBA 2, 2014—INkundla Ephakamileyo YaseRashiya iyekisa ukusetyenziswa kwe-jw.org

    FUNDA OKUNGAKUMBI

  6. NGOJULAYI 30, 2014—AmaNgqina asixhenxe kwayi-16 axoxa ityala eTaganrog aye agwetywa ngenxa yonqulo

    FUNDA OKUNGAKUMBI

  7. NGOJUNI 10, 2010—INkundla Ephakamileyo Yamalungelo Abantu YaseYurophu iye yathi ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina KaYehova ahlala eMoscow kukungahlonelwa kwamalungelo abantu

  8. NGOSEPTEMBA 11, 2009—INkundla YeNgingqi yaseRostov iye yathi iincwadi zamaNgqina kaYehova eziyi-34 zibaxiwe ibe ziyingozi

  9. NGO-2009—Amagosa omthetho waseRashiya aye awusebenzisa kakubi umthetho othi iincwadi nomsebenzi wamaNgqina ubaxiwe ibe uyingozi

  10. NGOMATSHI 26, 2004—Kuvalwa umsebenzi wamaNgqina KaYehova ahlala eMoscow

  11. NGOMATSHI 1996—AmaNgqina KaYehova ayaziwa njengamaxhoba okuphathwa kakubi yimibutho yezopolitiko ibe awanatyala

  12. NGODISEMBA 11, 1992—Urhulumente waseRashiya ubhalisa amaNgqina KaYehova ngokusemthethweni

  13. NGOMATSHI 27, 1991—ISoviet Union ibhalisa amaNgqina KaYehova

  14. NGO-OKTOBHA 1965—Kuyayekwa ukutshutshiswa kakhulu ibe urhulumente uyavuma ukuba kungenziwa ezinye izinto

  15. NGOAPRILI 1951—AmaNgqina aphantse abeyi-9 500 asuka kwiriphablikhi ezintandathu athunyelwa eSiberia

  16. NGO-1928—AmaNgqina KaYehova akabhaliswa ngokusemthethweni, kuqalisa intshutshiso ebakho iminyaka emininzi

  17. NGO-1891—INgqina lokuqala laseRashiya lithunyelwa eSiberia

  18. NGO-1887—Kuthunyelwa iMboniselo yokuqala eRashiya