Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 24, 2017
ERASHIYA

INkundla YaseOryol Iphinde Yalandisa Ixesha Eliza Kuhlalwa NguDennis Christensen Entolongweni

INkundla YaseOryol Iphinde Yalandisa Ixesha Eliza Kuhlalwa NguDennis Christensen Entolongweni

INGXELO YAKUTSHANJE: Igqwetha likaMnumzan’ uChristensen lafaka isibheno kwiNkundla Yenqila yaseOryol ukuze akhululwe eluvalelweni kodwa ngoDisemba 22, 2017 iNkundla ayizange ivume. Uza kuvalelwa de ibe nguFebruwari 23, 2018, aze emva koko aye enkundleni ibe kusenokwenzeka ukuba uza kubekwa izityholo.

Kwisigqibo seNkundla Yesithili yaseSovietskys, eOryol, eRashiya, esithathe iiyure ezintathu, inkundla yandisa ixesha eliza kuhlalwa nguDennis Christensen eluvalelweni de ibe nguFebruwari 23, 2018. Kokwesibini ngoku inkundla isandisa ixesha eliza kuhlalwa nguDennis Christensen eluvalelweni ngeenyanga ezintathu. Wavalelwa engakhange asiwe enkundleni ukususela ngoMeyi 2017, xa amapolisa ambonzeleka kwintlanganiso yebandla awayekuyo eOryol.

UMnumzan’ uChristensen ngowaseDenmark ibe liNgqina LikaYehova. Ngaphambi kokuba avalelwe, iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya yawavala amaNgqina KaYehova isithi, ayingozi. Inkundla yesithili yaphinda yazandisa iinyanga ukuze umphandi abe nexesha elaneleyo lokuqokelela ubungqina obuxhasa into yokuba ngokuba sezintlanganisweni wayesenza into engekho semthethweni. Inkundla ayizange ivume ukumgcina evalelwe kwikhaya lakhe ngoxa kwakusaphandwa ayizange isamkele nesiqinisekiso sikarhulumente waseDenmark esasisithi, akazomnceda abalekele kwelinye ilizwe okanye amnike incwadi yokundwendwela.

Ngexesha lokuvalelwa kwakhe, uMnumzan’ uChristensen nenkosikazi yakhe ehlala eRashiya babesebenzisa inkululeko yabo yokukhonza neyokuhlanganisana. Inkundla isenokuyalela ukuba abe kwindawo yokugcina amabanjwa angekagwetywa kangangeminyaka emibini. Ukuba ufunyaniswe enetyala, uza kugwetywa iminyaka emithandathu ukuya kwelishumi.