Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 16, 2018
ERASHIYA

INkundla YaseOryol Iza Kuqalisa Ukuxoxa Ityala LikaDennis Christensen

INkundla YaseOryol Iza Kuqalisa Ukuxoxa Ityala LikaDennis Christensen

INkundla yaseOryol iza kuqalisa ukuxoxa ityala likaDennis Christensen ngoFebruwari 19, 2018. UMnumzan’ uChristensen, ongumDatshi noliNgqina LikaYehova, oko wayegcinwe entolongweni eOryol, eRashiya, ukususela ngoMeyi 2017.

NgoJanuwari 31, 2018, umtshutshisi olisekela waseOryol wafaka isikhalazo esinamaphepha ayi-76 ngoMnumzan’ uChristensen. Lo mtshutshisi wathi wophule iGaba 282.2(1) lomthetho waseRashiya othi, makungabikho mntu okhokela inkonzo ekuthiwe iyingozi. Umntu owophule lo mthetho angagwetywa iminyaka elishumi.

UMnumzan’ uChristensen akophulanga mthetho. Wabanjwa ekhonza nenkosikazi yakhe namanye amaNgqina. Ityala liza kuqalisa ukuxoxwa ngo-2:30 emva kwemini ngoFebruwari 19, 2018, kwiNkundla Yesithili saseZheleznodorozhniy eOryol.