Yiya kwinkcazelo

JUNI 8, 2017
ERASHIYA

UMongameli UPutin Unika AmaNgqina KaYehova Imbasa Yokukhulisa Abantwana Kakuhle

UMongameli UPutin Unika AmaNgqina KaYehova Imbasa Yokukhulisa Abantwana Kakuhle

ENEW YORK—Kwitheko elaliseMoscow, eKremlin ngoMeyi 31, 2017, uMongameli waseRashiya uVladimir Putin wanika amaNgqina KaYehova aseKarelia, uValeriy noTatiana Novik, imbasa enikwa abantu abadume ngokukhulisa abantwana kakuhle ebizwa ngokuba yiOrder of “Parental Glory.” Aba bazali bakhulisa abantwana abayi-8.

Eli theko lenziwa eKremlin ngemini engaphambi Kosuku Lwabantwana olwenziwa ehlabathini lonke.

NgoMeyi 2008 umongameli wamisa umthetho wokuba abazali banikwe le mbasa. IRashiya inika abazali abakhulise abantwana abaqala kwabayi-7 ukuya phezulu, abaye bayikhathalela kakhulu impilo, imfundo, ingqondo, indlela ababukeka ngayo nabaziphethe ngayo abantwana babo. Iintsapho ezifumene le mbasa ziba ngumzekelo omhle kwezinye iintsapho.

UValeriy Novik, utata wabantwana abayi-8, ufumana iOrder of “Parental Glory” kuMongameli uPutin.

UDavid A. Semonian, osisithethi samaNgqina KaYehova kwikomkhulu lawo lehlabathi uthi: “Le mbasa ibonisa indlela imfundiso yeBhayibhile yamaNgqina KaYehova ebanceda ngayo abazali nabantwana babo ukuze babe ngabahlali abenza izinto ngendlela efanelekileyo, kungekuphela nje eRashiya, kodwa ehlabathini lonke. Sinethemba lokuba ngoJulayi 17, 2017, xa iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya iphinda ijonga isigqibo sokuvalwa kweZiko Lolawulo lwamaNgqina KaYehova aseRashiya, iza kucinga ngale mbasa, ikhutshwe nguMongameli uPutin.”

Ongaqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000