Yiya kwinkcazelo

APRILI 4, 2017
ERASHIYA

Oko Kuthethwayo Ngesisongelo Sokuvala AmaNgqina KaYehova ERashiya

Oko Kuthethwayo Ngesisongelo Sokuvala AmaNgqina KaYehova ERashiya

NgoAprili 5, 2017, iNkundla Ephakamileyo iza kube ichophele ityala lokuvalwa kwamaNgqina KaYehova ERashiya. Ngaphambi koko, uVasiliy Kalin, ummeli wamaNgqina KaYehova kwiZiko Lolawulo eRashiya, wafak’ isicelo kwabasemagunyeni ukuba bayeke ukutshutshisa amaNgqina KaYehova. Oko wakuthethayo kwafakwa kujw-russia.org ngoMatshi 21, 2017.