Yiya kwinkcazelo

MEYI 10, 2013
ESLOVAKIA

AmaNgqina KaYehova AseSlovakia Avuyela Iminyaka Eyi-100

AmaNgqina KaYehova AseSlovakia Avuyela Iminyaka Eyi-100

EBRATISLAVA, eSlovakia—NgoDisemba 15, 2012, amaNgqina kaYehova akwiofisi yesebe amema abamelwane bawo ukuze aye kubuka isakhiwo sawo, oku akwenza kuba ebhiyozela iminyaka eyi-100 efundisa iBhayibhile kweli lizwe. Ukuze kumenywe abamelwane kwasasazwa izimemo. Bangaphezu kwe-200 abantu ababekhona kwaye bekukho imiboniso elishumi ebiyimbalasane yembali yamaNgqina kaYehova aseSlovakia.

Ngo-1912 amaNgqina kaYehova aqalisa ukushumayela eSlovakia. Ngo-1991 amaNgqina akhulula iBhayibhile echanileyo nefundeka lula ngeSlovak. Iofisi yesebe yaseBratislava yiyo exhasa umsebenzi wamaqela amahlanu aguqulela iSlovak. Umsebenzi wokuguqulela uquka iNtetho Yezandla YaseSlovakia, iEastern Slovak Roma kunye neelwimi zeOlah Roma. Zonke iimpapasho kunye neeBhayibhile ezenziwayo, zifumaneka simahla. Ukuza kuthi ga ngoku, veki nganye amaNgqina angaphezu kwe-11 000 aseSlovakia afundisa iBhayibhile abantu abangaphezu kwe-3 400 emakhayeni abo, enceda abantu abakubudala obahlukeneyo kwaye ephucula nobomi babo.

Kukho iintlanganiso ezinceda abantu bayiqonde kakuhle iBhayibhile, zikumabandla ayi-160 akweli lizwe, kwaye wonke umntu wamkelekile ukuze aye kuzivela. Minyaka le amaNgqina kaYehova abanazo neendibano, eyokuqala yayingo-1923. Ngo-2006 amaNgqina kaYehova aba nendibano ekhethekileyo eBratislava ekwakukho kuyo abantu abangaphezu kwe-10 700, kuquka neendwendwe ezingaphezu kwe-3 600 ezisuka eCzech Republic, eHungary, naseRomania.

URastislav Eliaš isithethi samaNgqina kaYehova aseSlovakia uthi: “Kule minyaka iyi-100 idluleyo, eSlovakia amaNgqina kaYehova ebesaziwa njengabantu abadala uxolo, abanyanisekileyo nabathanda izalamane kunye nabahlali. Siza kuqhubeka sisebenza nzima ukuze sifundise abamelwane bethu iBhayibhile, njengoko nathi sisenjenjalo.”

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo +1 718 560 5000

ESlovakia: Rastislav Eliaš, tel. +421 2 49107611