Yiya kwinkcazelo

JUNI 7, 2017
ESRI LANKA

Izikhukula Nodaka Oluninzi Olwehla Ezintabeni Lumosha ISri Lanka

Izikhukula Nodaka Oluninzi Olwehla Ezintabeni Lumosha ISri Lanka

NgoMeyi 26, kumzantsi nakwintshona yeSri Lanka kuye kwanetha imvula ebangele izikhukula neyenze udaka oluninzi olwehla ezintabeni. Ezi zikhukula ziye zenza umonakalo omkhulu. AmaNgqina KaYehova anceda abazalwana bawo abaye bafunyanwa yile ntlekele. Iingxelo zithi kusweleke abantu abangaphezu kwe-200, abanye abangaphezu kwe-77 000 baye bafuduselwa kwezinye iindawo.

Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseSri Lanka iye yamisela iikomiti ezimbini eziza kunceda amaNgqina angaphezu kwe-100 aye amoshakalelwa zizinto zawo. Le komiti iza kuwanceda nangezinto ezifana nokutya neendawo zokuhlala. Akukho nelinye iNgqina eliye lasweleka.

IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova elikwikomkhulu lehlabathi eNew York, liyancedisa xa kukho iintlekele ezifana nale, lisebenzisa iminikelo yomsebenzi wokushumayela eyenziwa kwihlabathi lonke.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

ESri Lanka: UNidhu David, +94-11-2930-444