Yiya kwinkcazelo

MEYI 12, 2023
ESUDAN

Umlo WaseSudan Usaqhuba

Umlo WaseSudan Usaqhuba

Nge-15 ka-Aprili 2023 kuye kwakho amaqela amabini aye aqalisa ukulwa esebenzisa nezixhobo kwidolophu enkulu yaseSudan, iKhartoum. Iindaba zibonisa ukuba sekusweleke abantu abangaphezulu kwabayi-600 ibe konzakele abayi-5 000 ngenxa yalo mlo.

Into Eyenzeke Kubazalwana Noodade

  • Emva kokubaleka umlo eKhartoum, abazalwana noodade badibene kunye ukuze bakhuthazane ngezibhalo kwidolophu yaseWad Madani, eSudan

    Akukho nomnye umzalwana okanye udade oswelekileyo nowonzakeleyo

  • Bayi-318 abavakalisi ekuye kwafuneka bashiye amakhaya abo. Abanye baye kumazwe akufutshane

  • Abavakalisi abayi-8 nabantwana abayi-5 bakhe bavaleleka emisebenzini nasezikolweni. Kodwa baphinde badibana neentsapho zabo

Indlela Abancedwe Ngayo

  • Abadala basekuhlaleni babathuthuzela ngezibhalo bonke abo baye baneengxaki ngenxa yalo

  • Kuye kwamiselwa iiKomiti Ezinceda Xa Kwehle Intlekele eSudan nakumazwe akufuphi nayo ukuze kusetyenziswane xa kuncedwa abo badingayo

Siza kuqhubeka sibathandazela abazalwana noodade wethu abaphazanyiswa bubundlobongela obenzekayo, njengoko sijonge phambili kwikamva apho “kuza kuhlala kukho uxolo.”​—INdumiso 72:7.