Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 9, 2018
ETAIWAN

Inyikima Intlitha ITaiwan

Inyikima Intlitha ITaiwan

Ngobusuku bangoLwesibini, ngoFebruwari 6, inyikima enkulu yantlitha ngakunxweme olukwimpuma yeTaiwan. Iingxelo zibonise ukuba kusweleke abantu abayi-6, konzakala abayi-250 ibe abayi-76 basalahlekile.

Akukho maNgqina aswelekileyo okanye onzakeleyo ngenxa yale nyikima. Kodwa ke, isakhiwo ebesineofisi yokuguqulela ulwimi lwaseTaiwan neHolo YoBukumkani eseHualien, eyona ndawo intlithwe kakhulu yile nyikima, zonakele. Ukongezelela koko, isakhiwo ebesihlala abanye abaguquleli naso sonakele ibe bafudukile. Abazalwana basekuhlaleni balungiselela ngoko nangoko ukuba abantu abehlelwe yile nyikima bafumane iindawo zokuhlala ibe isebe laseTaiwan libanceda ngezinye izinto abazidingayo.

Sithandazela ukuba abazalwana noodade wethu abehlelwe yile nyikima babe noxolo lwengqondo kweli xesha linzima nokuba abazalwana ababancedayo babe “njengendawo yokuzimela umoya.”—Isaya 32:2.

Ongaqhagamshelana Nabo:

EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

ETaiwan: UChen Yongdian, +886-3-477-7999