Yiya kwinkcazelo

AGASTI 11, 2017
ETAIWAN

Iphulo Lokwenza Imisebenzi Engenanto Yokwenza Nokuya Emkhosini Libe Yimpumelelo ETaiwan

Iphulo Lokwenza Imisebenzi Engenanto Yokwenza Nokuya Emkhosini Libe Yimpumelelo ETaiwan

Ngo-2000, iTaiwan yavumela abantu abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo ukuba benze eminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini, benezazela ezikhululekileyo. Abo bangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela babenokukhetha ukusebenza ezibhedlele, kumakhaya abalupheleyo okanye kwezinye iindawo zikarhulumente. Eli phulo libancede kakhulu abantu baseTaiwan nabo bangafuniyo ukuya emkhosini ibe ngoku ababanjwa kuba bengafuni ukuya emkhosini.

Le vidiyo ibonisa indlela abasebenza ngayo abo bangafuniyo ukuya emkhosini, imibuzo edla ngokubuzwa ngabo bangalifuniyo eli phulo yaye nabo basebenza kweli phulo bathetha ngendlela abancedakele ngayo. UMnumzan’ uKuo-Enn Lin, umalathisi oyintloko kwiBhodi ebhalisa abantu abaya emkhosini uthi: “Ndiyathemba ukuba namanye amazwe aza kufunda kuthi.”