Yiya kwinkcazelo

IHolo yoBukumkani eMersin

JUNI 3, 2016
ETURKEY

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu Iwisa Isigwebo Sokuba ITurkey Ifanele Ijonge IiHolo ZoBukumkani Njengeendawo Zokunqulela

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu Iwisa Isigwebo Sokuba ITurkey Ifanele Ijonge IiHolo ZoBukumkani Njengeendawo Zokunqulela

NgoMeyi 24, 2016, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yaqinisekisa iinkonzo ezinabantu abambalwa eTurkey ngelungelo ezinalo lokunqula ngokukhululekileyo. Lo myalelo wawubhekisela kumthetho ongqongqo karhulumente wokwabiwa kweziza, nto leyo eyayibangela ukuba iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova zingagqalwa njengeendawo zokunqulela.

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yafumanisa ukuba umthetho waseTurkey wokwabiwa kweziza wawuzijonga izakhiwo ezikhulu njengeendawo zokunqulela ibe zona izakhiwo ezincinane ezinabantu abambalwa zazingajongwa njalo. Sekunjalo, iTurkey iye yawalela amaNgqina ekunquleni ngokukhululekileyo ibe loo nto inxamnye neGatya 9 leSindululo SaseYurophu Samalungelo Abantu. * Isigwebo sabonisa ukuba abasemagunyeni basebenzisa umthetho wokwabiwa kweziza “ukuze bangazivumeli iinkonzo ezincinane ukuba zinqule, enye yazo engamaNgqina kaYehova.”

Umthetho Wokwabiwa Kweziza Awuzivuleli Thuba Iinkonzo Ezinabantu Abambalwa

AmaNgqina kaYehova anombutho obhaliswe ngokusemthethweni eTurkey, ibe akhe azama kangangeminyaka emininzi ukuba iiHolo zawo zoBukumkani zijongwe njengeendawo zokunqulela ngaphantsi komthetho wokwabiwa kweziza. Noko ke, abasemagunyeni eTurkey bebesoloko besala ukujonga iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova njengeendawo zokunqulela.

Ekubeni iiHolo zoBukumkani zingajongwa njengeendawo zokunqulela, abasemagunyeni basoloko besithi baza kuzivala ezingama-25 kuzo, ngenxa yokuba zingahambisani nomthetho wokwabiwa kweziza. Ukususela ngoAgasti 2003, kangangezihlandlo eziliqela abasemagunyeni bebesele bezivalile iiHolo zoBukumkani eMersin naseAkçay. EKarşıyaka esisithili saseİzmir, abasemagunyeni bala ukugqala iHolo yoBukumkani njengendawo yokunqulela. IiHolo zoBukumkani eMersin naseİzmir kwathethwa ngazo ngoMeyi 24 xa iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yawisa isigwebo.

Ngaphambi kokuba ibe ngu-2003, umthetho wokwabiwa kweziza waseTurkey weendawo zokunqulela wawubhekisela nje kuphela kwizakhiwo zonqulo zamaSilamsi. Ngelo xesha, abasemagunyeni basekuhlaleni bengakhange batsho kuwo bawavumela amaNgqina ukuba anqulele emakhayeni awo. Noko ke, ukuze ahambisane nemithetho yaseYurophu yokungacalulwa nokuvunyelwa kweenkonzo ukuba zinqule ngokukhululekileyo, iTurkey yawutshintsha Umthetho Wokwabiwa Kweziza Ongunombolo 3194 ngo-2003. Utshintsho lwaluquka ukuba endaweni yokuba kuthiwe isakhiwo sonqulo samaSilamsi kuthiwe indawo yokunqulela ibe kwafuneka ukuba oomasipala basekuhlaleni babe nomhlaba oza kuba ngowezakhiwo zonqulo.

Xa kwakutshintshwa umthetho kwakufanele ukuba iinkonzo ezinabantu abambalwa zinikwa ilungelo lokwakha iindawo zazo zokunqulela. Kodwa ke, imithetho yokwabiwa yayisithi kufuneka indawo enkulu kuba yayiqikelela ukuba kukho amarhamente amaninzi ibe isakhiwo sifanele senziwe kucingwa ngendlela amaSilamsi anqula ngayo.

Ukusetyenziswa Komthetho Ongqongqo Kuphazamisana Nelungelo Lokuba Nendawo Yokunqulela

Ukongezelela, abasemagunyeni kwamasipala abanazo iziza zendawo ezincinane zokunqulela ibe ayasala isicelo samaNgqina sokuba indlela ezabiwa ngayo iziza itshintshe. Xa amaNgqina abhenayo, iinkundla eziphakamileyo nabasemagunyeni baqhubeka nale ndlela ikhoyo yokwabiwa kweziza ibe ala ukujonga iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova njengeendawo zonqulo.

EMersin naseAkçay, abasemagunyeni kwamasipala banamathela kumthetho omtsha baza bazivala iiHolo zoBukumkani apho, kuba iziza ezazikuzo zazingezizo ezeendawo zonqulo. Xa amaNgqina acela ezinye iindawo zokunqulela, abasemagunyeni bathi azikho iziza ezenzelwe loo nto.

Le ngxaki yachaphazela yonke iTurkey. Iye yabangela ukuba zingajongelwa ntweni iindawo anqulela kuzo amaNgqina kaYehova nezinye iinkonzo ezinabantu abambalwa. Sithethanje, abasemagunyeni abakoomasipala abahlukahlukeneyo abangama-27 kwiTurkey yonke, baye bazikhaba ngawo omane iinzame ezingama-46 zamaNgqina kaYehova zokuba iindawo anqulela kuzo zijongwe njengeendawo zokunqulela. Ukongezelela, imithetho ayiwavumeli amabandla ukuba afumane inyhweba yokungahlawuli irhafu, umbane okanye amanzi efunyanwa ziindawo ezijongwa njengeendawo zokunqulela.

AmaNgqina Abhena KwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu Ukuze Afumane Isiqabu

Ngaphambi kokuba aye kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, amaNgqina kaYehova abhenela kuzo zonke iindawo ezisemthethweni ezisekuhlaleni. IBhunga Lelo Lizwe nenkundla ephakamileyo azizange zisamkele isicelo samaNgqina kaYehova sokuba iiHolo zoBukumkani zijongwe njengeendawo zokunqulela ngaphantsi komthetho wokwabiwa kweziza, kunoko yatshintsha isigwebo senkundla esasiwathethelela.

AmaNgqina kaYehova afaka izicelo ezibini kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Esinye asifaka ngo-2010 aza esinye asifaka ngo-2012. Acela iNkundla ukuba ihlole enoba iTurkey yayiyithobele kusini na iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Ijonga umthetho osele ukhona, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yabalaselisa ukubaluleka komthetho wokwabiwa kweziza oza kuvumela iinkonzo ezinabantu abambalwa zibe neendawo zazo zokunqulela.

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yaphawula ukuba “iqela elincinane lamaNgqina kaYehova alinakukwazi ukukufikelela oko kufunwa ngumthetho, ukuba nendawo efanelekileyo yokunqulela.” INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yaqukumbela ngokuthi: “Iinkundla zasekuhlaleni azizange zizihoye iimfuno zeli qela lincinane. . . . Ekubeni embalwa, amaNgqina kaYehova awadingi isakhiwo esinobugocigoci, kodwa indawo nje eza kubenza bakwazi ukunqula, ukudibana nokufundisa ngeenkolelo zawo.”

Isigwebo sithi iTurkey iye yaluphazamisa unqulo lwamaNgqina kaYehova ngokwala ukujonga iiHolo zoBukumkani njengeendawo zokunqulela. UAhmet Yorulmaz, umongameli woMbutho wamaNgqina kaYehova eTurkey wathi: “Siyasivuyela kakhulu isigwebo seNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Sinethemba lokuba urhulumente waseTurkey uza kuzijonga iiHolo zoBukumkani njengeendawo zonqulo ibe uza kuyalela abasemagunyeni kwamasipala ukuba balandele umthetho wokwabiwa kweziza oza kwenza sifumane iindawo zokunqulela. Ngokwenza ngokuvumelana nesi sigwebo, iTurkey iza kube ithabathe inyathelo elihle lokuxhasa into yokuba abantu banqule bekhululekile.”

Ngaba ITurkey Iza Kukuphelisa Ukucalulwa Ngenxa Yonqulo?

AmaNgqina kaYehova eTurkey ngokuthe ngcembe aye aziwa ngokusemthethweni kule minyaka ilishumi idlulileyo. Ngo-2007, abasemagunyeni eTurkey babhalisa umbutho wamaNgqina kaYehova * emva kokuba walelwa elo lungelo ngaphezu kweminyaka engama-70.

AmaNgqina kaYehova ayavuya kuba iTurkey iye yenza okuthile ukuqinisekisa ukuba abemi bakhona banqula bekhululekile. Anethemba lokuba isigwebo sakutshanje seNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu siza kukhuthaza iTurkey ukuba ilwele ilungelo labantu lokunqula ngokukhululekileyo, nto leyo eqinisekiswa nguMgaqo-siseko waseTurkey nemithetho yamazwe ngamazwe. AmaNgqina ajonge phambili ekuboneni iTurkey isenza ngokuvumelana nesigwebo seNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Oko kuya kubonakala ngokuba iiHolo zoBukumkani ezisele zikho ezingama-25 izijonge njengeendawo zokunqulela ize iwavumele afumane iindawo zokunqulela asazidingayo.

^ isiqe. 3 IGatya 9 lithetha ngelungelo “lokuba nenkululeko yokucinga, eyesazela neyonqulo.”

^ isiqe. 19 NgoJulayi 31, 2007, kwasekwa uMbutho Oxhasa AmaNgqina KaYehova ETurkey.