Yiya kwinkcazelo

JUNI 11, 2014
ETURKEY

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu Ithethelela AmaNgqina Amane AseTurkey

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu Ithethelela AmaNgqina Amane AseTurkey

NgoJuni 3, 2014, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu iye yagweba iTurkey kuba ingakhange iyithobele imithetho yeBhunga laseYurophu * xa yavalela amaNgqina kaYehova amane kuba engavumi ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zawo. Amagama ala maNgqina nguÇağlar Buldu, uBariş Görmez, uErsin Ölgün noNevzat Umdu. Le nkundla yathi: “Indlela abaphathwa ngayo aba bahlekazi ayihambisani nedemokrasi nangokwemithetho ephantsi kwe-Article 9 yeBhunga laseYurophu.”

NgoMatshi 17, 2008, la maNgqina mane ammangalela urhulumente waseTurkey kuba eye wawarhuqel’ ezinkundleni waza wawavalela izihlandlo eziliqela ngenxa yokungavumi ukuya emkhosini. Aphinda athi alihlonelwa ilungelo lawo lonqulo. Xa ewonke, abizelwa emkhosini izihlandlo ezingaphezu kweziyi-30 kanti iminyaka ayithothozayo ingaphezu kwemithandathu xa idityanisiwe.

Isigwebo sale nkundla siqhubeka sisithi: “Ukungayi emkhosini kwala maNgqina kubonisa ukuba asebenzisa ilungelo lokuba nenkululeko yonqulo. Le nkundla ayinamathandabuzo kwelokuba, ukuvalelwa kwamaNgqina nokusoloko exoxiswa ezinkundleni, kuyangqubana nemithetho ephantsi kuka-Article 9 yeBhunga laseYurophu.”

UBariş Görmez

Esi sisigwebo sesithathu esenziwa nxamnye neTurkey kulo mba. Ngo-2011 iTurkey yafunyaniswa inetyala yaza yagwetywa kwityala likaYunus Erçep, kanti kwaphinda kwenzeka into efanayo ngo-2012 kwityala likaFeti Demirtaş. Ngo-2012 iKomiti Yamalungelo Abantu YeZizwe Ezimanyeneyo yayenzela iintloni iTurkey xa yawisa isigwebo esithethelela uCenk Atasoy noArda Sarkut ababengavumi ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zabo.

Kwabakho isiqabu eYurophu ngoJulayi 7, 2011, xa iBhunga leNkundla lawisa isigwebo kwityala likaBayatyan nxamnye neArmenia. Esi yayisisihlandlo sokuqala apho kwafunyaniswa ukuba imithetho yeBhunga laseYurophu iyabakhusela abantu abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zabo. Onke amazwe azimanye neli bhunga amele awuthobele lo mthetho. Ityala likaBayatyan, izigwebo ezithathu zeNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu nxamnye neTurkey nezinye ezifana nezi zanyanzela iTurkey namanye amazwe ukuba aphinde ahlolisise indlela abaphathwa ngayo abantu abangavumiyo ukuya emkhosini. Ezi zibakala ziphinde zinyanzele iTurkey namanye amazwe ukuba atshintshe imithetho yawo ukuze ihambelane neyeBhunga laseYurophu.

Elinye igqwetha lala maNgqina, uJames E. Andrik, lithi: “Okwangoku awekho amaNgqina avalelweyo kweli laseTurkey, kodwa ke urhulumente usaqhubeka ebaxoxisa ezinkundleni abafana abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zabo. Sinethemba lokuba, esi sigwebo sisandul’ ukuwiswa sala maNgqina mane aseTurkey, siza kubangela urhulumente weli alihlonele ilungelo lesazela.”

^ isiqe. 2 Umthetho ophantsi kwe-Article 3 unqanda impatho-mbi nokuthotywa isidima; owe-Article 6 ukhusela ilungelo lokuxoxa ityala ngaphandle komkhethe uze owe-Article 9 uthethe ngenkululeko yokucinga, eyesazela neyonqulo.