Izinto Ezibalulekileyo Ezenzeke ETürkiye
NGOMEYI 24, 2016—IECHR imisela umthetho wokuba iTürkiye ijonge iiHolo zoBukumkani “njengendawo ekukhonzelwa kuzo”
NGOMATSHI 29, 2012—IKomiti Yamalungelo Abantu yeUN ifumanise ukuba iTürkiye iye yawaphatha kakubi amalungelo amaNgqina amabini okungavumi ukuya emkhosini ngenxa yezinto azikholelwayo
NGONOVEMBA 22, 2011—INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu iye yasiphikisa isigqibo seTürkiye sokungawahloneli amaNgqina ngenxa yokungavumi ukuya emkhosini ngenxa yezinto azikholelwayo
NGOJULAYI 31, 2007—Urhulumente ubhalisa amaNgqina kaYehova ngokusemthethweni
NGOJUNI 19, 1985—INkundla Ephakamileyo iwamkela njengonqulo amaNgqina kaYehova
NGODISEMBA 2, 1981—Inkundla yasemkhosini eIstanbul yachaza ukuba amaNgqina kaYehova alunqulo olwamkelekileyo
NGOAPRILI 17, 1973—INkundla Ephakamileyo yasemkhosini yenza isigqibo sokuba, ukuba liNgqina likaYehova kukwaphula umthetho
EKUQALENI KWEMINYAKA YO-1930—Iqela lokuqala lamaNgqina kaYehova liya kwiintlanganiso