Yiya kwinkcazelo

MATSHI 11, 2013
ETURKEY

IUnited Nations Ithi ITurkey Mayihlonele Izazela Zabemi Bayo

IUnited Nations Ithi ITurkey Mayihlonele Izazela Zabemi Bayo

AmaKristu amaninzi ayala ukuya emkhosini, kwaye amanye amazwe ayasihlonela eso sigqibo. IKomiti Yamalungelo Abantu YeUnited Nations ithi abemi baseTurkey bafanele balifumane nabo elo lungelo.

Kwisigqibo sayo sangoMatshi 29, 2012, le Komiti yaxhasa amadoda amabini aseTurkey, uCenk Atasoy noArda Sarkut. Omabini la madoda angamaNgqina kaYehova, ala ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zawo.

UMnu. uAtasoy noMnu. Sarkut kudala befaka izicelo kurhulumente zokuba bangayi emfazweni, kunoko benze eminye imisebenzi. Sekunjalo, banyanzeliswa ukuba baye emfazweni. Emva kokuba umkhosi ummangalele kwiyunivesithi awayephangela kuyo uMnu. uSarkut, wagxothwa emsebenzini.

Kwisigqibo sayo, le Komiti yathi kukho ilungelo lokungayi emkhosini xa isazela somntu singamvumeli. IArticle 18 yeInternational Covenant on Civil and Political Rights ithi, “wonke umntu unelungelo lokuba nenkululeko yokucinga, yesazela neyonqulo; eli lungelo liquka inkululeko yokutshintsha unqulo.

Esi sigqibo senziwe nje emva kokuba kuye kwenziwa ezinye ezimbini ezifana naso YiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu. Le nkundla yathi “ukungabikho kwemisebenzi enokwenziwa ngabo bangafuniyo ukuya emkhosini, kunxamnye nelungelo labantu lokuzikhethela into abafuna ukuyenza” eligunyaziswe yiEuropean Convention on Human Rights.

Isigqibo sokungavumi ukuya emkhosini kudala sikho. Kwincwadi yakhe ethi The Rise of Christianity uE. W. Barnes wathi: “Ukuyihlolisisa ngenyameko yonke inkcazelo ekhoyo kubonisa ukuba, de kwaba lixesha likaMarcus Aurelius [umlawuli waseRoma ukususela ngo-161 ukusa ku-180 C.E.], akukho mKristu waba lijoni; yaye akukho joni, emva kokuba libe ngumKristu, elahlala emkhosini.